Ithengiswa eAustralia intsangu yoMzantsi Afrika

Ilizwe laseAustralia lihamba phambili kwihlabathi ngokuthenga intsangu yelizwe loMzantsi Afrika. Imveliso yentsangu kweli iyakhula yonke imihla, kwaye namathuba okuthengiswa kwayo avela macala onke.

Ingxelo ithi ubuchule namacebo amatsha okuveliswa kwentsangu kweli kwenza ukuba intsangu yeli iqatshelwe ngamazwe afana nelizwe laseAustralia.

Imithetho elawula ukuthengiswa kwentsangu yoMzantsi Afrika nayo kuthiwa inegalelo elihle ukutsala abathengi abafana nelizwe laseAustralia.

Uninzi lwamazwe ehlabathi asebenzisa intsangu esidlangalaleni ayisebenzisela ngeenjongo zokunyanga okanye ukuvelisa amachiza okunyanga.

UDinake Nongo Motona weAfrican Farmers’ Association of South Africa (AFASA) uthi ilizwe loMzantsi Afrika linomtsalane kakhulu kwilizwe laseAustralia ngokukodwa malunga nokuthengiswa kwentsangu.

“Oku kubonisa ngenene ukuba umsebenzi onzima owenziwa ngamafama wentsangu kweli uneziphumo ezihle, imithetho elawula ukuveliswa kwentsango nayo inegalelo elihle,” kutsho uMotona.

UMotona ukwancoma umgangatho wentsango yabo njengonobangela wokuba ithengwe ngamazwe afana neAustralia.

“Intsangu yethu ineendidi ezininzi, oko kwenza ukuba abathengi bakhethe ngokuthe gabalala xa bethenga iimveliso zethu zentsangu,” kucacisa uMotona.

Uthi banethemba lokuba imveliso yabo yentsangu izakukhula ngamandla kweli xesha lokulima lasehlotyeni kunyaka mali ka2024 no2025.

Ngentsangu eveliswa kweli, kuphuma iimveliso eziquka isonka, iilekese, izinto zokuthambisa nezinye ke izithako zomzimba. Ukanti imithetho emiselwe nguRhulumente weli igunyazisa ukuba intsangu isetyenziswe ngamandla ukuvelisa amachiza okanye isetyenziswe yona njengechiza.

Amafama asakhulayo awakafikeleli kwinqanaba lokuvelisa intsangu ngokusemthethweni nangona iingcango zivulekile. Ukunqongophala kolwazi nokuthandabuza kuko okubangela ukuba amafama asakhulayo angangeni ngokucacileyo kwintengiso yentsangu.

UMotona uthi nangona ela lizwe lingumthengi wentsangu yeli, kodwa likwancedisa ngokufundisa iindlela ezintsha zokuveliswa kwentsangu ezinokulandelwa ngamafama oMzantsi Afrika.