ITshayina ithenga umbona eMzantsi

ITshayina ithenga umbona eMzantsi.

Ngenxa yemfazwe eqhubeka phakathi kwelizwe laseUkraine nelizwe lase Rashiya ilizwe lase Tshayina lijikise intengo yombona wase Melika lathenga umbona weli loMzantsi Afrika. Kuthwa ngamakhulu amane anamashumi amathandathu amawaka weKilogram zombona weli othe wathunyelwa eTshayina ekuqaleni kwenyanga kaCanzibe.

Abathengi bona baseTshayina bathenga umbona weli emva kokuba betshitshise intengo yombona welizwe laseMelika ngenxa yefuthe lezopolitiko. Ilizwe loMzantsi Afrika likubudlelwane bentsebenziswano kwakunye nelizwe laseTshayina, Brazil,India neRashiya.

Ngenxa yesi sigqibo sokujikwa kwentengo yombona waseMelika yiTshayina ilizwe laseMelika liqalise ukwenza izityholo ngakwilizwe loMzantsi Afrika. IMelika ngomlomo wonozakuzaku wayo kweli loMzantsi Afrika ikhuphe ingxelo zokuba uMzantsi Afrika unikise ngezixhobo zemfazwe kwilizwe laseRashiya.

Le ngxelo ithi lomthwalo uphume ngesikhephe somkhosi weli kunzweme laseSimons Town eNtshona Koloni. Umthwalo wombona weli ugaleleke kwizibuko laseMayong kumazantsi welizwe laseTshayina ekuqaleni kwale nyanga. Ukuthengwa kombona weli lilizwe laseTshayina kuzakubanika imigxilo yokuthengiswa kombona ngamafama ombona nezinye iimveliso eMzantsi Afrika. Ilizwe laseTshayina linembali yokuxhomekeka kwiMelika neUkraine ngokuthenga umbona.

Ingxelo yephephandaba iGlobal Times ithi ngamashumi alithoba ekhulwini epesenti umbona ongena eTshayina usuka eMelika naseUkraine. Ngumbona oqikelelwa kumashumi amahlanu anesithathu amawaka wetoni osuka eMzantsi Afrika othe wangena kwilizwe laseTshayina usuka kweli.

Ilizwe loMzantsi Afrika likunyaka wesine livelisa umbona osemgangathweni onqwenelwa ngamazwe ehlabathi. Ngamashumi alithoba elikhulwini epesenti umbona obomvu nomhlophe oveliswa lilizwe loMzantsi Afrika othunyelwa kumazwe angaphandle.

Umbona obomvu usetyenziswa ngamazwe anje ngeTshayina ukondla imfuyo,logama umbona omhlophe usetyenziswa ukutyiwa ngabantu.Ilizwe loMzantsi Afrika likhuphisana nelizwe laseNijeriya ngokuvelisa umbona omninzi kwilizwekazi laseAfrika.Amazwe aquka ilizwe laseZimbabwe, Botswana, Mozambique, Taiwan, Japan kwakunye Vietnam ayaxhamla kumbona welizwe loMzantsi Afrika.

Ngelizama ukuzikhulula kubukhoboka beMelika ilizwe laseTshayina likwathenga umbona kwilizwe laseBrazil. Ilizwe laseTshayina lizoyikisela kwingxaki yokukwaywa ngemveliso zombona nokunye ukutya lilizwe laseMelika.

Oku kuzakunabisa amaqhina unaniselwano ngemveliso zolimo kumafama eli kwakunye nabathengi behlabathi ingaumbi ilizwe laseTshayina. Esenza intetho yakhe yohlohla labiwo mali uMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle uThoko Didiza uthi isebe lakhe lizimisele ukuwaqinisa amaqina entsebenziswano namazwe ehlabathi.