Itswele ngenye yemifuno eveliswa lula ngamafama kumakhaya wawo imihla ngemihla kuba kulula ukulityala nokulikhulisa ngokunjalo. Itswele lisokolo liyinxalenye yezityo eziphekwa emakhaya nakumakhaya wamafama rhoqo xa kusenziwa isidlo.
Nokuba kupheka ukutya embizeni okanye kosiwa inyama, itswele lisoloko likhona ukongeza incasa koko kutya. Ligaqa elisongene lenza amanqanaba ngamanqanaba okusonga kwalapha emzimbeni walo nangona likho iqweqwe lokuqala elingavamisanga kutyiwa lona.
Xa ulinqunqa livelisa amanzi angathi anepepile elilisa amehlo, kuthwa lamanzi nokukubaba kwalamanzi kuncedisa ukulwa izifo zentliziyo. Itswele ke lizindidi njengazo zonke izityalo eziyimifuno ethandwa ngabelimi, kodwa kukhulu ukuzalana kwizithako ezithwelwe litswele. Zintathu iindidi zetswele ezaziwayo, kodwa uphando lubonisa ukuba zininzi kunoko.
Kukho itswele eliligqabi eliluhlaza amafama asezilalini akhetha athanda lona xa epheka imveliso zawo zokulima. Kukwakho itswele eziligaqa elimhlophe, kuze kubekho itswele elikwaligaqa elibomvu kodwa aqulethe ngokufanayo.
Iingcali ezenza uphando ngetswele zithi igalika ikwabalwa nje ngolunye uhlobo letswele xa kubalwa amatswele. Ezinye iindidi zetswele zithiywa amagama ngenxa yemibala yazo okanye iindlela ezimile ngayo, kwanexesha lonyaka ezithi zichume ngalo. Ngokwemibala kukho itswele eliluhlaza, elibomvu, elimthubi kwakunye nelo limhlophe laziwa luninzi. Kukho itswele eliswiti ngencasa yalo, nalo libizwa ngokuba litswele eliswiti ngenxa yendlela elivakala ngayo.
Xa ufuna ukuba kumfama wetswele ungalilima izihlandlo ezibini ngonyaka, kwaye akunzima ukulityala itswele. Kukho itswele elivunwa entlakohlaza, kukwakho nelo lingena ngxaki yokutyalwa ebusika kuba aliyoyiki ingqele. Kwindawo ezithandwa liqabaka itswele alinayo ingxaki, lihlala liluhlaza unyaka wonke xa lilinyiwe.
Ilizwe laseChina lelona lilima itswele elininzi kwihlabathi, ilizwe laseNetherlands lihleli kwindawo yesibini ukuba ngumvelisi wetswele. Zininzi iimveliso eziphuma kwitswele xa lithe laxutywa nezinye izithako. Liyakwazi ukusetyenziswa ukwenza isaladi ezindidindidi ezityiwa ngabo banendlela zokulithenga.
Ukulithenga evenkileni akuxabisi kakhulu kungoko wonke ubani esoloko efikelela kulo ukuze libe yinxalenye yesidlo sakhe. Kukho iingxelo zokuba itswele elibomvu lilo elithwele izakha mzimba ezininzi xa lithelekiswa nezinye iindidi zamatswele.
Alinqabanga oluhlobo letswele ukufumaneka kumafama amaninzi, lilinywa ngokufanayo nezinye iindidi zetswele. Maxa wambi itswele litshiswa lenze izithako zokwenza ukutya kubenencasa lincedisana nezinye ke izithako. Ukulipheka okugqithisileyo kwenza ukuba litshintshe indlela elivakala ngayo emlonyeni, lisuka libetsiti xa liphekwe ngamandla. Indlela eyiyo yokuligcina kukuba ulihlalise kwindawo epholileyo.
Xa ulilima za ukuba umhlaba wakho ibelusi ngowaneleyo, njengazo zonke izityalo zaphantsi komhlaba likholwa ngumhlaba olungiswe kakuhle. Alidingi manzi kakhulu ukuze liqhube,koko lidinga ukuba xa sele limilile ulikhuphe ngaphandlwe komhlaba. Liyakhawuleza ukukhula xa lingaphandle komhlaba,likwanika amagaqa amakhulu ngokunjalo.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?