Iyakhula imveliso yoboya kumafama asezilalini

Ukusukela ngonyaka ka1990 ukuya ku2020, kubekho umahluko nokukhula okucacileyo kwimveliso yoboya kweli loMzantsi Afrika, ingakumbi kumafama asezilalini.

Ukuveliswa koboya basezilalini kukhokelele kuhlumo olubonakalayo kwimveliso yoboya eMzantsi Afrika jikelele.

Urhulumente, ebambisene nemibutho efana neNational Wool Growers Association, udlale indima enkulu ukukhulisa la mafama oboya ezilalini.

Zininzi iinkqubo zikarhulumente ezijikeleza zixhobisa amafama ngezinto eziquka iinkunzi zeegusha zoboya kwiinzame zokufumana imihlambi yokuvelisa amatakane oboya. Kwanokuqeqeshwa kwamafama kwiindlela zokuphucula imihlambi ukuze ivelise uboya.

Ngaphambili, amafama asezilalini ebefuyela nje ukuba babeneegusha ezininzi kungekho mali icacileyo ingenayo.

Injongo karhulumente yokuba amafama angenise imali ngemihlambi yawo izala amaduna namathokazi, kuba athengisa uboya ngamandla amafama asezilalini.

Umfama echeba uboya. Umfanekiso: iStock/Sevaljevic

Iphondo laseKZN kwakunye neMpuma Koloni adlala indima ephambili ukuqinisekisa ukukhula kwemveliso yoboya eMzantsi Afrika.

Amafama ayakwazi ukulwa indlala ngenxa yokuba eqalise ukufuya iigusha ezivelisa uboya kuba uboya bungenisa imali.

Urhulumente kwelakhe icala ukhuthaze amafama ngokuwakhela iindawo zokuchebela, uqeqesho ngeendlela ezizizo zokucheba. Kwezi lali zelizwe loMzantsi Afrika, amafama akwanikwa izixhobo zokucheba zala maxesha ngeenjongo zokuba asebenze ngendlela eyonga imali kwakunye nexesha ngokunjalo.

UDan Kriek usuka kwiNational Wool Growers’ Association of South Africa, kwaye uyangqina ukuba ngenene ikhulile imveliso yoboya eMzantsi Afrika.

“Minyaka le sibona ukukhula okumandla kwinani lamafama asezilalini athengisa uboya, oku kubonisa ukuba maninzi ngoku amafama atsaleleka ekufuyeni iigusha ngeenjongo zokuvelisa uboya,” kutsho uKriek.

Uthi kwiminyaka engamashumi amathathu egqithileyo kubonakele ngamandla ukunyuka komyinge woboya belizwe loMzantsi Afrika, uncoma iinzame zikarhulumente.

“Ziishedi zokuchebela ezingamakhulu alithoba anamashumi amathandathu ezithe zakhiwa ngurhulumente kuzwelonke, oko kuthetha ukuba uncedo lukarhulumente luzala amaduna namathokazi,” kutsho uKriek.