Iza kubuyela eNamibia imveliso yenkukhu yeli

Iinkukhu efama. Umfanekiso: Getty Images/iStockphoto

Ukusukela kunyaka ophelileyo, uRhulumente waseNamibia wakunqumamisa ukuthenga iinkukhu eziphilayo zelizwe loMzantsi Afrika.

Kutshanje uRhulumente waseNamibia uzibophelele kwakho ukuba uza kuzithatha iinkukhu eziphilayo ezisuka kweli.

Oku kwenzeka emva kokuba imveliso yenkukhu kweli yathi yahlaselwa ngumkhuhlane weenkukhu owabangela ukubulawa kweenkukhu ezininzi.

Inyama eninzi yenkukhu etyiwa ngabantu baseNamibia isuka kweli loMzantsi Afrika nanjengoko iphantsi imveliso yenkukhu kwela lizwe.

Nangona zisamkelwa ngoku iinkukhu zeli eNamibia, ela lizwe liqalise ukukwaya iimveliso zenyama yenkukhu ezisuka kwilizwe laseBrazil.

Imithwalo yenyama yenkukhu esuka eBrazil engene kwela lizwe ukusukela ngomhla weshumi elinesibhozo kwinyanga yeSilimela iza kutshatyalaliswa.

Ukwamkelwa kwakho kwenyama yenkukhu yoMzantsi Afrika eNamibia kuza kuvula amathuba amahle kumafama wenkukhu kweli. Amafama namashishini avelisa inkukhu eMzantsi Afrika aqeshe abantu abaninzi kakhulu. Izifo, ukuqhawuka kombane zezinye zeengxaki ajongene nazo amafama wenkukhu kweli loMzantsi Afrika.

Oku kwenzeka logama kwelinye icala uRhulumente waseBotswana ekhuphe iingxelo zokuba azamkelekanga iimveliso zemifuno zeli kwela lizwe.

Kwelinye icala, amafama enkukhu eKapa atyikitye isivumelwano sokuthengiselana amanqina wenkukhu noRhulumente welizwe laseChina.

Kuthiwa la manqina aza kudala amathuba emisebenzi angamawaka amathathu, kwaye isivumelwano esi siqulethe imali eqikelelwa kumakhulu amathathu ezigidi zeerandi.