Emva kokumiselwa kweziko eliza kusetyenziswa ukucoca irharnati eOudtshoorn, amafama avelisa esi siqhamo anethemba lenguqu nokukhula.
Umlawuli weli ziko elibizwa ngokuba yiKaroo Park eOudtshoorn, uGerhard Meyer uyakungqina ukuba ukumiselwa kweli ziko kuzakuwenza lula umsebenzi wamafama avelisa irharnati.
“Kudala kuveliswa irharnati kule ngingqi kodwa ibingafikeleli kwinqanaba lokuba ithengiswe kwihlabathi, ngoku iza kujika yonke lonto, iza kuthengiswa irharnati yethu,” kutsho uMeyer.
Uthi ngaphandle kokunyuka komgangatho wemveliso yerharnati apha, uza kukhula umyinge wemveliso yerharnati.
“Iqikelelwa kumashumi amabini ekhulwini eepesenti irharnati ethi ingakwazi kuthengiswa apha ngenxa yeengxaki ezibangelwa kukungabi naziko elifana neli,” kucacisa uMeyer.
Amafama aseOudtshoorn avelisa irharnati enamabala amdaka kwaneempawu zokutsha lilanga, oku kwenza ukuba ihlelwe ngumgangatho emalikeni.
“Ngumhlaba oziihektare ezikumakhulu amabini anamashumi amahlanu osetyenziswa ukulima irharnati eOudtshoorn, ngoko ke ukwakhiwa kweli ziko kuza kunceda ngenene ukukhula kwemveliso yerharnati,” kutsho uMeyer.
Eli ziko kulindeleke ukuba lisetyenziswe ukucoca nokupakisha imithwalo yerharnati logama ilindeleke ukuba ithunyelwe kwiimalike zehlabathi.
“Kulindeleke ukuba kuvuleke izithuba zomsebenzi ezikumakhulu amathathu zexeshana, logama kulindeleke ukuba kukhule amanani wabo baqeshwe ngokusisigxina ukusuka kumashumi amathandathu ukuya kwikhulu namashumi amabini,” utsho uMeyer.
Eli ziko lixabisa amashumi amabini ezigidi zeerandi, kwaye lakhiwe kule ngingqi ngeenjongo zokukhulisa imveliso yerharnati.
Iimveliso zerharnati ziquka izithako zokuthambisa umzimba nobuso, iijusi zokusela namanye amachiza anceda impilo yoluntu.
Eli ziko lakhiwe ngempumelelo nangenxa yenkxaso yeAgency for International Development exhasa iimveliso zolimo kwihlabathi.
Kwingingqi yaseThornhill kwisithili saseChris Hani akhona amafama alima irharnati nethi ithengiswe kwiimalike zehlabathi.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike