Ubushushu obuhamba nokufuma okumandla kubangela iingxaki eziquka izifo zamehlo ezahlukeneyo kwimfuyo, ingakumbi leyo ixhomekeke emadlelweni ukuze itye.
UGqirha Johan Van Rensburg weAxiota Animal Health unaba banzi ngomcimbi wezifo zamehlo ezibangelwa ziimeko zasehlotyeni kwimfuyo equka iigusha neenkomo.
Ukuchaphazeleka kwamehlo kwimfuyo kubangela ukuba ingakwazi ukutya, oko kwenza ukuba ingakwazi ukuvelisa ngohlobo elindeleke ukuba ivelise ngalo.
Iinkomo zobisi okanye iigusha zeenyama zehlelwa ngumgangatho kwangoko ukuba zithe zafunyanwa ziingxaki zamehlo. “Ezinye zezifo ezichaphazela iinkomo neegusha ziquka isifo esibizwa ngokuba yiPink Eye ethanda ukuhlasela iigusha kakhulu,” kutsho uVan Rensburg.
Uthi le meko iye ikhokelele ekubeni igusha leyo ide ingaboni ngokupheleleyo xa ingathanga incedwe. “Enye yeendlela zokuthintela ukosulelwa kwemfuyo zizifo zamehlo kukuphungula ukuxinana kwemfuyo, ukunqanda iimpukane, ulawulo lwamadlelo ngendlela eyiyo,” ucacisa atsho uVan Rensburg.
Iindawo zokugcina imfuyo ezivulelekileyo zibalulekile kuba zincedisa ukulwa izifo eziquka izifo zamehlo kwimfuyo.
“Zikhona zininzi iindlela zokunyanga ukosuleleka kwemfuyo kwizifo zamehlo, kodwa okona kubalulakileyo kuba kufuneka oku kuthintelwe ukuze kungachaphazeli imfuyo yakho,” uhambisa atsho uVan Rensburg. Ucebisa ukuba amafama ahlale ebeke iliso kwiimpawu ezibonisa ukuhlaselwa kwimfuyo zizifo ezinokubangela iingxaki zamehlo.
“Ukuqaphela ngokukhawuleza, ukufumana amachiza achanekileyo nokufumana ulwazi kwigosa elijongene nempilo yemfuyo kwindawo ohlala kuyo kubalulekile,” kutsho uVan Rensburg.
Ubushushu bubangela ukukhula nokundweba kwezinambuzane ezifana neempukane, iimpukane zinegalelo elimandla kwizifo zamehlo kwimfuyo equka iinkomo neegusha.
Akonelisekanga ncam umqeqeshi ngumsebenzi weSundowns