Amaxesha amaninzi amafama afaka imfuyo yawo kwifama engenalwazi okanye ngqwalasela yokuba kukho izityalo ezingamangenela ezibulala impahla. Xa kuqala unyaka kanje zidla ngokuvela iinkomo, iigusha okanye iibhokhwe ezitye izityalo eziqulethe izithako ezibulalayo. Amaxesha amaninzi ezi zithako ziyaqava ngenyanga yoMsintsi ukuze zivele zibangele izigulo ekuqaleni konyaka olandelayo.
Kaloku ezi zityalo zingamangenela ziyandweba xa kukho iimvula zokuqala zehlobo, oku kungenxa yokunyuka kwamaqondo obushushu neemvula zehlobo. Ngenxa yokuba lemigegemba yezityalo ikhula nengca okanye phakathi kwengca, akulula ukulubona. Zimbi, zinamaflawa emibala eqaqambileyo equka ebomvu, epinki ukanti nemhlophe. Yile mibala kwezi zityalo etsala imfuyo yakho mfama ukuba izibone isitya ezozinto zibulalayo.
Maxa wambi ezi zityalo zibulalayo kwimfuyo zihlala ecaleni kwemifula neendawo ezinamanzi apho isela khona imfuyo yakho. Ukanti zikwakho ezo zizifihla kwizixhobo ezinqabileyo, ngenxa yokunyoluka kwemfuyo izibone igaxeleka.
Ezi zityalo zibangela ukuqunjelwa kwemfuyo okwenziwa kukungacoleki kokutya. Kaloku nesakho isisu xa sidibene nento esingayiqhelanga siyasokola, ingakumbi xa iqulethe izithako ezingalunganga. UGqirha uFaffa Malan uthi ezi zityalo ziyakwazi ukubangela ingxaki kwisibindi semfuyo.
“Okona kubuhlungu ngale ngxaki yezi zityalo zityiwa yimpahla ngexesha zithwele amatakane okanye amathole, oko kubangela ukufa okanye ukukhubazeka kwamatakane okanye amathole,” kutsho uMalan.
Uthi wambi kumatakane okanye amathole azalwa eneengxaki ezibangelwe zezi zityalo, emva kokuba ezelwe abe neengxaki. “Umfama angasebenzisa amachiza okuthintela ezi zityalo ukuba zingabulali imfuyo okanye amatakane namathole abo,” kucacisa uMalan.
Uhambisa athi amafama kubalulekile ukuba ahlale enxibelelana namagosa ajongene nempilo yemfuyo kwiindawo abahlala kuzo. Kumaxesha angaphambili uRhulumente wephandle laseTranskei wayenyanzela ukuba kubulawe ikhula nezinye izityalo ezingamangenela ezinkampini.
Amafama aseRwantsana kumasipala waseMalahleni eCacadu ahlaselwa sisityalo esingaziwayo nesabulala iinkomo. Ngophando leziko lophando ngemicimbi yolimo eDohne eCumakala kwafumaneka ulwazi lokuba sivela eTshayina eso sityalo.
Uxanduva lo mfama kukujikeleza ezinkampini zakhe efama ekhangela izityalo ezingaqhelekanga. Oku ungakwenza ngempumelelo ingakumbi kumaxesha asemva kwemvula. Iingcali zithi kubalulekile ukuba emva kweentsuku ezisibhozo imvula inethile, amafama angene ajikeleze ezinkampini.
Ishishini leemoto eMpuma Koloni liza kuxhamla kutyalo-mali lweR200-million