Khaba ingubo mfama ukhalile uphezu-komkhono

Ukunyuka kwamaqondo obushushu kuthetha ukuba ngenene lifikile ixesha lokuba imihlaba ilungele ukuphethulwa ukuze kutyalwe ngexesha elifanelekileyo.

Umhlaba xa uphethulwe kukho ubushushu uthatha obo bushushu ubugcine ngaphantsi komhlaba ukuze ukwazi ukuvelisa ngokufanelekileyo. Obu bushushu bubangela ukuba izityalo esele zityaliwe ezifana nemifuno equka ispinatshi zikhule ngaphandle kwengxaki. Kaloku zithanda amanzi kodwa ubushushu budala indima enkulu ukuze zikhule ngokukhawuleza.

Ukunyuka kwamaqondo obushushu kubangela ukutshintsha kwencasa yengca logama kukwabangela ukuvela kwengca entsha phakathi kwaleyo indala.

Obu bushushu buvakalayo ikwabubo obubangela ukuba kunethe imvula ukuze kunethe umhlaba.

Ukutshintsha kwamagqabi emithini equka ipesika kuxela ukuba ngenene amaqondo obushushu aphucukile.

Le yinyanga yokuba amafama ombona aqinisekise ukuba ngenene akulungele ukutyala umbona ukusukela embindini wale nyanga. Ngoko ke eli lixesha lokuba umfama akhabe ingubo ukuya emasimini elungiselela ukutyala.

Amafama weetapile kumele ukuba sele benazo iitapile eziphantsi komhlaba ukuze ezilandelayo azityale phambi kokuphela kwale nyanga.

Ukuqalisa ukulungiselela ukutyala kule nyanga kwenza ukuba kufike ixesha lokuna kwemvula ngamandla sele umfama ehambele phambili. Kukho imeko entsha yokuna kwemvula ebangela ukuba amafama angakwazi ukutyala ngenyanga kaDisemba kuba imvula isina ngamandla.

Xa isina le mvula, amanye amafama aphethula nje umhlaba angaze aphinde alifumane ithuba lokufaka imbewu. Ukanti amanye amafama awalifumani kwa ithuba lokuphethula umhlaba kuba ngenyanga kaDisemba inetha ingayeki imvula.

Oku konke kuthetha ukuba khuthala ke mfama ugalele umgquba, uqinise amacingo, uqalise ukusebenza umhlaba wakho ulungiselela ukulima.

Ngaphandle kokuxakeka kukulima, eli ikwalixesha apho amafama wakowethu axakeka kukuqandusela kwezilwanyana eziqandusela kubekanye ngonyaka. Ezo ziquka amakwalikwini, amarhanisi, ipikoko nezinye izinto ezifuywe efama.

Ngenene eli lixesha lokuba umfama azikhabe ingubo ukuqinisekisa ukuba ishishini lakhe liqhuba ngempumelelo. Ukunyuka kwamaqondo kukhuthaza nokusebenza iiyure ezongezelelweyo kumfama kuba ilanga litshona kade. Kuhlala kushushu kude kuhambe iiyure ezininzi zasebusuku.