Eli lixesha apho amaqondo obushushu azakunyukela ngasentyantla, lo nto yenza ukuba emzimbeni wesilwanyana kukhule izinto eziphazamisa impilo yazo.
Iigusha neebhokhwe zihlaselwa kakhulu zintshulube, logama iinkomo ezindala zona azihlaselwa kakhulu zezintshulube.
Izimunguyi gazi zangaphakathi zithi zidale ingozi emfuyweni ngoluhlobo lubhalwe ngezantsi:
- Zibangela ukufa kwamathole okanye amatakane.
- Ukuhla kwemveliso enje ngale, inyama, ubisi, uboya kwakunye nokungazekani.
Umonakalo obangwa zintshulube emfuyweni yakho mfama:
- Zifunxa ukutya kwizilwanyana zakho itapeworm ngumzeleko ophilileyo.
- Zifunxa zincance igazi kwimfuyo ihook worm newire worm ngumzekelo woko.
- Zidala amanxeba ekuthi kungene izifo lula kuwo, umzekelo woko yihook worm ne-nodular worm.
- Zibangela ukuba ifosiforasi ne khalisiyam zingetyiseki ngokufanelekileyo.
- Ziphazamisa ukusebenza kwenyongo kwakunye nemithambo luvo.
- Zidala izifo ezinjengokuba isilwanyana singaphili ngokuthi sife icala singabi nakho ukuhamba side sife.
Iintshulube zahlulwa zibe zindidi ezintathu
- Ezesibindi kuthwa ziFlukes xa zibizwa.
- Ezi kuthwa ziTapeworms zifumaneka enyameni yenkomo eyehagu kwanasemntwini.
Indlela yokuthintela itapeworm ezisibaca
- Makwakhiwe izindlu zangasese zisetyenziswe.
- Iihagu mazivalelwe ezihokweni.
- Inyama mayiphekisiswe, oku kubulala amagqida.
- Izinja mazinyangwe ukukhupha iintshulube.
Iintshulube ezingqukuva
Ezi zezona ntshulube zibalulekileyo nezithi zenze owona monakalo mkhulu emfuyweni. Imazi yale ntshulube izalela amaqanda emathunjini esilwanyana.
Lo maqanda aphuma nobulongwe, aqanduselwe enze umbungu othi unyuke uncamathele engceni. Isilwanyana sitya lo ngca sosuleleke ngolohobo.
Iimpawu eziqhelekileyo zesilwanyana esineentshulube
- Ukugula ngenxa yokunqongophala kwegazi.
- Ukunqina kwanobuthathaka bobunkene nkene.
- Inzenge.
- Ukuphazamiseka kokwetyisa kokutya ngokufanelekileyo esiswini nasemathunjini.
- Ukunqaphela.
- Ukufa ngamanye amaxesha.
Iindlela zokukhusela imfuyo yakho kwizimungunyigazi
- Gonya utofe amathole namatakane akho mfama xa enenyanga enye ezelwe, emva koko uwanyange roqo emva kwenyanga ezimbini nezintathu ade abe ayalunyulwa. Imfuyo endala mayisezwe kane ngonyaka ubuncinane.
- Nika imfuyo izongezelelo zondlo ezikhothwayo.
- Musa ukuvalela impahla ebuhlanti obumanzi, mazilale phandle xa kumanzi kakhulu, kaloku lifikile ixesha lemvula.
Olu lwazi lilifa elaqokelelwa ngamagosa esebe lezolimo phantsi koRhulumente waseTranskei ngenyanga yoMsintsi ngo1986. Elo sebe laliphantsi koMphathiswa weloxesha ubawo uEdward Zamayedwa Booi.
Kufike ixesha lokuba ndibuyele ekhaya, utsho uSiya Kolisi