Emasimini nasezinkampini, amafama asoloko ephila phakathi kweemeko ezinobungozi obunokubeka iimpilo zabo esichengeni, ngoko ke kubalulekile ukuba umfama azikhusele. Zininzi izinto ezinokuqatshelwa efama, emasimini okanye enkampani, eziquka ilanga, imvula, imibane neendudumo kwakunye neenyoka ezikhula ngokugqithisileyo.
Ngenxa yemvula, ingca iba nde kangangokuba umfama angaboni lula kwindawo ahamba kuyo. Kukho iinyoka nezilwanyana zasendle ezithanda ukuzimela emasimini. Ukunxiba ngokukhuselekileyo kuthetha ukuba umfama kufuneka anxibe izinto ezinokugquma intloko yakhe ingabethwa lilanga, kanti neenyoka zikho ezihlasela entloko.
Iminqwazi yofele ethengiswa kwiindawo ezithengisa izinto zamafama iyafumaneka, le minqwazi inofele oluqine ngokwaneleyo ukuze izinyo lenyoka lingakwazi ukugqitha. Kukwakho uhlobo lomnqwazi olwenzwe ngohlobo lokuba ugqume intloko kwakunye nentamo ngaxeshanye. Ukuthwala umnqwazi osetyenziswa emigodini kunokukunceda ukuba awunamnqwazi owenzwe ngofele.
Ukunxiba intanyongo emehlweni nako kubalulekile ngeli xesha nokuba zezamehlo nokuba akunjalo. Kaloku phaya ezinkampini okanye emasimini kukho iinyoka ezihlasela ngokutsica ityhefu elinobungozi, kodwa xa unxibe ezi glasi ayinakuphumela. Inyoka itsica eli tyhefu ngeenjongo zokukuphanyaza amehlo ukuze ikuhlasele lula.
Phaya emasimini kukwakho izinambuzane ezifana neengcongconi ezihlasela ungaqaphelanga emasimini. Iimpahla ezinemikhono emide kubaluleke kakhulu xa ujonga indlela yokunxiba emasimini mfama. Kaloku ukhuseleko ngundoqo kuba lufana twatse nokonga imali usongela ixesha elizayo – ubomi ngundoqo.
Indlela onxiba ngayo ezinyaweni nayo ikwabalulekile, okanye yeyona ibaluleke kakhulu kunazo zonke. Kaloku phaya ezinyaweni udibana nameva, iinkuni ezibolileyo nezinye izinto ezinokukuhlaba zibangele ingozi. Ukufumana ingozi emzimbeni nokuba kundawoni kungabangela ukuba umsebenzi wakho wasemasimini ume ungahambeli phambili.
Oku kungenza ukuba uzibone uphulukana nobomi ngokunjalo. Ukunxiba iigambutsi ezinyaweni nako kukwabalulekile kuba kukukhusela kwizinto ezirhubuluzayo, eziquka iinyoka nezinye ezihlaselayo. Maninzi amafama asele esinde ehlaselwa ziinyoka ngenxa yokuba enxibe iigambutsi ezinyaweni.
Ubude beegambutsi zakho buphelela emadolweni, ngoko ke kunqabile ukuba inyoka ingakuhlasela entla kwamadolo. Nxiba ngokukhuselekileyo mfama kuba oku kunganceda nezilwanyana zakho odibana nazo enkampini zilimele.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!