Kubhubhe umfama kuqhankqalazo lwamafama

Uqhankqalazo lwamafama. UMFANEKISO: Kenzo Tribouillard/AFP/Getty Images

Ngenxa yokutshayisa imiqobo ebekwe endleleni ngamafama aseFransi, kubhubhe umfama olinina ebesiya kuba yinxalenye yolu qhankqalazo.

Amafama welizwe laseFransi angene ezitalatweni ebeka imiqobo evakalisa ukunganeliseki kwabo ziinguqu ezininzi ezenziwe ngurhulumente.

Ingxelo ithi ezinguqu ziquka ukunyuka kwerhafu nokuthintelwa kwamafama ukuba asebenzise iindlela ezibangela ungcoliseko esibhakabhakeni.

Amafama atyhola imithetho yendibanisela yamazwe aseYurophu iEU ngokuba ngubonobangela wezinguqu.

Kuthiwa inqwelo ebekhwele kuyo ibithwele inkosikazi, indoda nomntwana omnye, nekuthe kwabhubha inkosikazi.

Amafama aseFransi, Jamani naseRomania aqhuba uqhankqalazo ngenxa yesi zathu esinye sokunganeliseki zinguqu ezenziwa ngoorhulumente bala mazwe.

La mafama kuwo onke lamazwe athatha izixhobo zawo zokulima avala iindlela ngelizama ukunyanzela urhulumente ukuba amamele.

Oku kubangele ukuvaleka kweendlela ezingena kwezona dolophu zixakekileyo kwela lizwe.

Ingxaki yemfazwe ephakathi kwelizwe laseRashiya nelizwe laseUkraine ibonwa njengenye yeengxaki engunozala weengxaki ezibangela ukuba amafama aqhube uqhankqalazo.

Athi anqwenela ukuba oorhulumente baseYurophu bathathe amanyathelo ukuze iphele lemfazwe kuba iyabacinezela.

Phakathi kwezinye izinto ezenza ukuba amafama aseYurophu angayeki ukuqhankqalaza kukuba iEU ithi amafama mawaphungule ukuzebenzisa izichumiso.

Kwelinye icala iEU ithi makuphungulwe umhlaba osetyenziswa ngamafama kwakhiwe izinto ezingenanto yokwenza nezolimo.

Amafama aseJamani, Fransi namanye amazwe aseYurophu achasene ngamandla nale miqathango ekhokelwe ngumbutho we-EU.

UMongameli weEuropean Union u-Ursula von der Leyen uthi ulungiselela ukubamba indibano kwakunye nemibutho yamafama ukuze bakhangele isisombululo kule ngxaki.