Ibhunga elijongene nophando ngemicimbi yezolimo kweli loMzantsi Afrika, iAgricultural Research Council (ARC), iqhube ucweyo obelukhangela izinto ezinokwenziwa ukuvuselela ukulinywa kwemithi yama-apile ezilalini.
Ama-apile atyiwa phantse yonke imihla kumakhaya amaninzi kwilizwe liphela nasehlabathini jikelele.
Ngaphambili, iMpuma Koloni, ingakumbi iTranskei, yayinawo amaphulo afana neli lokukhuthazwa kwabantu basezilalini ukuba balime ama-apile.
Ngalo maxesha abantu basezilalini babekhuthazwa ukuba balime izitiya nemifuno kwanezo zeziqhamo eziquka iapile, igwava, kwepile nerhalinati.
I-ARC yenza oku ibambisene neDeciduous Fruit Development Chamber South Africa ngeenjongo zokuvuselela nokukhuthaza uluntu ukuba luzivelisele iziqhamo eziquka iapile.
Kuthiwa eli phulo sele libonakele lisebenza kwiphondo laseLimpopo kwaye kulindeleke ukuba liqalise kwamsinya kwiphondo laseKZN.
Ingxelo yeARC ithi eli phulo lokuvuselelwa kwe’apile ezilalini lijoliswe kumaphondo aquka iKZN, Mpuma Koloni, Freyistata iMpumalanga kwakunye neRhawuti. Iarhente, iTechnology Innovation Agency, ikwangumxhasi ophambili kweli phulo lokuvuselelwa kwe’apile kwiindawo zasezilalini eMzantsi Afrika.
UGqirha Rodney Hart weARC uthi ngenene eli phulo liza kuncedisa ukumanyanisa uluntu logama liza kuba livuselela imveliso yama-apile ezilalini.
“Injongo ephambili kukukhulisa uqoqosho lwasezilalini ngokusebenzisa ukulinywa kwe’apile, kuza kukhuthaza nokusetyenziswa komhlaba kwezinye iinkalo zolimo,” kucacisa uHart.
Uthi eli phulo liza kudala amathuba emisebenzi kwaye kukwalindeleke ukuba liphucule imeko yentlalo yoluntu ngokubanzi kumaphondo aza kuthatha inxaxheba.
Xa uhamba kwiilali zaseMpuma Koloni ayabonakala amakhaya ayetyale imithi ye’apile, kodwa uninzi alusenamveliso icacileyo.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!