Elona dama (Nova Kakhovka Dam) likhulu kumantla elizwe laseUkraine ligqabhuke lenza umonakalo kumafama alima imifuno, iziqhamo nezinye iimveliso zasefama. Elidama ligqabhuke ngomhla wesithandathu kwinyanga ephelileyo yeSilimela kwaye libangele umonakalo omkhulu kwintlalo yamafama.
Ingxelo kaPaul Adams weBBC ithi zidolophu eziliqela ezizinze kumazantsi wale ndawo ezithe zachaphazeleka kule meko yokugqabhuka kweli dama. Kuthwa amasimi avelisa izinto ezahlukeneyo kule ndawo angahle ajike abeyintlango ngenxa yobuninzi bamanzi akhukhulise apho.
Ngumhlaba ongamakhulu amahlanu amawaka wehektare othe wachaphazeleka emva kokuvuleleka kwamanzi. Ukuza kuthi ga ngoku akukwazi ukuba elidama ligqajuzwe ngumkhosi wamaRashiya okanye lizigqabhukele ngokwalo ezlidama.
UTaras Vysotsak ngusekela mphathiswa weSebe lezolimo eUkraine, kwaye unolwazi olungcono ngale meko yokugqabhuka kwelidama. “Zindawo zonkcenkcesho ezingaphezu kwamashumi amathathu ezixhomekeke ukuba zididiyele amanzi ukuze kuveliswe ukutya, zonke ezondawo zonakele,” kutsho uVysotsak.
Uthi ayikho enye indlela ngaphandle kokuba kuvuselelwe kwakho iziseko zokunkcenkcesha kuqhutyekwe nokuvelisa ukutya.
“Zininzi iimveliso ezityalwa ngamafama kule ngingqi, ezo ziquka iitumato, itswele, ujongilanga, iimbotyi kwakunye nengqolowa,” kucacisa uVysotsak. Iqikelelwa kwibhiliyoni yedola yaseMelika imali ezakulahleka eUkraine ingakumbi kule ngingqi.
“Kungasithatha iminyaka emihlanu ukuvuselela iziseko zokunkcenkceshela kwilizwe laseUkraine, ngoko ke kufuneka siqinise ukusebenza sililizwe,” utsho uVysotsak.
Ilizwe laseUkraine lihamba phambili kwimveliso yombona kwihlabathi, le lahleko ingachaphazela amazwe angaphandle kwelalizwe ngaphandle kwamathandabuzo.
Le meko ichaphazele ezolimo nentlalo yelalizwe ngokubanzi ingakumbi iindawo ezimantla welizwe laseUkraine. “Abantu abadala, amafama amancinci namakhaya ngokubanzi achatshazelwe yile ntlekele, kusakhangelwa uncedo kwihlabathi ngokubanzi,” kutsho uVysotsak.
Amafama amancinci afelwe zizityalo kwakunye nemfuyo yawo ibivalelwe emakheyeni abo ngenxa yokugqajuzwa kwelidama. Amazwe ehlabathi akwiphulo lokuzama ukukhangela isisombululo kwimfazwe eqhubeka phakathi kwelizwe laseUkraine nelizwe laseRashiya.
UEl Nino uhlasela amafama weswekile