Esi sisiqhamo esisuka kumantla elizwe laseMelika nethe kamva ngokuhamba kwamaxesha salinywa kwiindawo ezahlukeneyo zehlabathi.
Iingcali zokutya zithi ipawpaw le iqulethe incasa efana ncam nencasa yendibanisela yebhanana, imango kwakunye nemelon.
Ipawpaw ikwaqulethe izakhamzimba ezifana neVithamini A kwakunye noC, iphothaziyam nefayibha ziyafumaneka kwesi siqhamo sakudala. Imithi yayo ayikhulu kakhulu, ithanda umhlaba otyebileyo onokufuma okwaneleyo.
Xa sele ivuniwe kufuneka ityiwe okanye igcinwe efrijini kuba iyakhawulezisa ukubola okanye ukonakala.
Indawo elinywe kuyo kufuneka ukuba ibe yindawo enokuyikhusela imithi kubushushu nengqele egqithisileyo.
Amaqondo obushushu kufuneka ukuba ahlale ephezulu ngamaxesha onke, ubumanzi kungagqithisi koko kulawulwe ngendlela eyiyo.
Kufuneka umfama alawule ngendlela ukufuma komhlaba kuba xa komile ipawpaw iyonakala, kanti ukufuma okugqithisileyo kuyazibulala iingcambu zemithi.
Isichumiso esikumyinge olinganayo ngokwezithako zokuchumisa ungasisebenzisa, ezo ziquka i10-10-10 okanye i14-14-14.
Ixesha lasentlakohlaza lixesha lokufakwa kwesichumisi kwimitha yepawpaw. Kwangeli ixesha lasentlakohlaza umfama angaqalisa ukuthena imithi esusa onke amagqabi angathwali siqhamo.
Amagaqa wepawpaw ayavunwa xa iqalisa ukubonisa umbala omthubi kuba izeke ibonisa ukuba ikulungele ukuvunwa okanye ukutyiwa. Kubalulekile ukuba amagaqa uwayeke mfama avuthelwe emthini ade agqibelele, ngokwenza njalo ubaleka ukuba abole.
Kusoloko kubalulekile ke mfama ukukhusela imithi yakho kwizifo nezinambuzane ezihlala zingenelela kwizityalo zakho. Iintanga zepawpaw zisebenza imisebenzi emininzi kakhulu kwezempilo nokwenza ulusu lubeluhle kwabo bathanda ubuhle.
Ukuwa kwaMapolisa, kuvula indlela yeWSU All Blacks!