Lityalwa entlakohlaza iapile mafama

Kumalinge okulwa iingxaki zokunqaba kokutya namaxabiso anyuka rhoqo, kumele ukuba amafama asezilalini aqalise ukutyala iziqhamo ezifana nama-apile. Xa ungena okanye uphuma evenkileni kweli, iapile lisoloko likho kwiziqhamo ezithengwa luluntu.

Ukutyala iapile kuhambela namalinge okuzama ukulwa ukunyuka kwamaxabiso okuthe gqolo.

Oku kungenza ukuba uluntu lahlukane nokuthenga ama-apile weevenkile koko bazivelisele awabo.

Iingcali zokulinywa kweziqhamo zithetha into enye yokuba ixesha elililo lokutyala iapile lixesha lasentlakohlaza. Intlakohlaza lixesha eliphakathi kwenyanga yeKhala ukuya kuma kwiinyanga zasentwasahlobo.

Ezi ngcali zithi iapile lityalwa kakuhle kumhlaba ofumana ilanga elaneleyo, ukufumana umoya owaneleyo kunqanda ukukhula kwezifo ezihlasela imithi. Xa utyala kufuneka ugrumbe umngxunya obunzulu baneleyo ukufaka iingcambu zomthi wakho.

Izithole ungazenzela ngokusebenzisa iipete zeapile, xa sele ulityile iapile lakho ungazilahli iipete ezo. Izithole zeapile ziyakuthanda ukuba zihlale zigcinwe ngamanzi aneleyo, ingakumbi ngexesha leesizini ezomileyo zonyaka.

Ukuthenwa kwemithi yeapile kubalulekile kakhulu, kaloku oku kuthena kubangela ukuba umthi wakho ukhule ngokufanelekileyo.

Kuthenwa ngexesha lasebusika ke mafama, ukuze ngexesha lasentlakohlaza imithi yakho ikwazi ukuvelisa iziqhamo zeapile ezaneleyo. Xa uthena, ugxotha amasebe angabonakalisi ukuba angathwala nto, ukwasusa nalawo adla ngokuqulatha izifo.

Faka izichumiso emithini yakho rhoqo, imithi yeapile iyakuthanda ukugcinwa ngesichumiso ukuze ikhule yondleke ngokufanelekileyo. Nceda ke mfama sebenzisa izichumiso ngokucetyiswa ligosa elijongene nezolimo kwindawo ohlala kuyo, izichumiso ke zifakwa ehlotyeni.

Uhlala ubeke imehlo yonke imihla xa zibonisa ukukhula izithole zakho zemithi yeapile, oku kunceda ukulwa izifo nezinambuzane ezihlaselayo. Xa uqaphela imeko ebonakalisa ukuba izithole zakho ziyahlaselwa, gqagqanisa usebenzise amachiza okulwa izifo kwizityalo zakho.

Xa sele liqalisile iapile lakho ukuvelisa amagaqa, waphungule ukuze angaxinani, kaloku ukuxinana kwawo kubangela ukuba akunike amagaqa amancinci. Ukuba ufuna amagaqa amakhulu emveliso yeapile lakho, hlala ukunqanda ukuxinana kwama-apile akho.

Ngexesha lokuba avunwe ama-apile akho mfama abonisa oku ngokuthi anike umbala opheleleyo ohambelana nolohlobo lweapile. Ama-apile la ayahlukana ngombala, amanye abomvu logama amanye eluhlaza.