Ingxelo yezanuse zeZulu ibonisa ukuba ingqele, ikhephu nemvula ebandayo yinto eseza kubakho kwezi nyanga zimbini zilandelayo.
Ngelishwa ke eli lixesha lokuzala kwemfuyo equka iibhokhwe neegusha kumafama amaninzi. Ubulumko bokuqala kukuba umfama ngamnye wemfuyo aqinisekise ukuba unayo indawo ekhuselekileyo yokufihla imfuyo yakhe xa kufuneka enze oko.
Imvula enetha ebusika ayifani nemvula yasehlotyeni, iyabanda ikhatshwa ngumoya obanda ngamandla, ngoko impahla mayikhuselwe kwezi meko. Nanjengoko ilixesha lokuzala kwemfuyo, kumele ukuba amafama anesicwangciso esisiso sokuqinisekisa ukuba iigusha, iibhokhwe neenkomo nakakade aziphumi ngaphandle. Ukungaphumi ngaphandle kuthetha ukuba zibe nendawo eyaneleyo yokuhlala zikhuselekile engqeleni, kwikhephu, umoya nakwiimvula ezibandayo zasebusika. Xa zigcinwe kwindawo evalekileyo azifunyanwa yingqele, zitsho zizale ziphantsi kokhuseleko, kukhuseleke namatakane kakade.
Kumaxesha akudala amafama wenkomo ebezambathisa ngengubo ezo zibonakalisa ubuthathaka bokungamelani nengqele. Ukuhla kwamaqondo kwenza ukuba izilwanyana ezifana neenkomo zibaleke kwindawo eziqhele ukutya kuzo zisiya kuzimela kwiindawo ezifihlakeleyo. Ufika uboya bazo buphakamile zibonisa ukuba azimelani nemeko yengqele ebangelwa kukuhla kwamaqondo, ngenxa yoku zizikhangelela iindawo zokusithela.
Iinkomo zezinye zezilwanyana eziyoyika kakhulu iingqele, zikhangela iindawo ezinemithi exineneyo xa kubanda, okanye izigingqi ezifihlakeleyo. Ngenxa yoku ke kubalulekile ukuba umfama okhele imfuyo yakhe yonke indawo yokuhlala ukuze ikhuseleke kwiingqele zobusika.
Ubusika bonyaka ngamnye ke buyehluka kubusika bomnye unyaka, ngoko amafama kumele ukuba aqalise ukuqwalasela amaqondo kwasekuqaleni kobusika ngenyanga kaCanzibe.
Iigusha neebhokhwe zona ziyazala ngeli xesha, lo nto yenza ukuba ingangabizizo zodwa ezisesichengeni, kodwa namatakane azo, ngoko mazakhelwe iindawo ezifihlakeleyo. Igusha okanye ibhokhwe ezalele endle ebusika ingagodola ifele apho yona netakane layo, kuba imeko yokuzala yenza ukuba ihle amandla.
Mazingavulelwa ezo zibonwayo ukuba zikufutshane ukuba zizale, mazigcinwe kwindawo evalelekileyo ukuze zizalele apho. Ezi ndawo kufuneka zakhiwe ngohlobo lokuba zingangenwa yimvula, umoya ngokunjalo. Makwandlalwe ingca okanye iindiza nezinye izinto ezizakwenza ukuba zingagodoli zona namatakane wazo.
Ngaphandle kwengqele, izilo zasendle nazo zithanda kakhulu ukutya inyama xa kubanda kakhulu, zithanda ukuxhwila amatakane koonina zizenzele ke kuwo. Ukufumana icebo kwigosa lezolimo, uGqirha wezilwanyana kwindawo yakho yenye into enokunceda ukukhusela umhlambi wakho ngeli xesha.
Ukuhambela iivenkile ezithengisa amachiza emfuyo nako kungakunceda kuba ngesizini nganye bathengisa amachiza ahambelana nelo xesha. Ilitye elikhothwa yimpahla ukuqinisa amathambo lelinye lamacebo anokwenziwa apha ebusika.
Lona eli lixesha elinzima kakhulu kumafama emfuyo, kodwa libalulekile kuba lixesha apho imfuyo izalayo ukuze kwande imihlambi yamafama. Khusela ke imfuyo yakho mfama ngokuyakhela indawo efanelekileyo, uyambathise ukuba kukho imfuneko, ukhangele namachiza ngokunjalo. Amagosa karhulumente ahlala ekulungele.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?