Makulungiswe umhlaba mafama

Ukuna kwemvula kule nyanga yoMsintsi kuthetha ukuba amafama mawaqalise ukulungisa umhlaba ozakuba utyalwa umbona. Ukuphethula umhlaba kwenza ukuba ukwazi ukwamkela amanzi, uthambe, ukulungele ukutyala ngexesha lokutyala.

Oku kukwanika umfama ithuba lokuba agcine ubushushu bomhlaba ngaphantsi komhlaba de kufike ixesha lokutyala.

Ukuphethulwa komhlaba ngeli xesha ngamafama yinto yakudala eyayisenziwa ngamafama okuqala esebenzisa iinkomo ukulima. Xa uphethulwe ngeli xesha umhlaba kutyalwa kuwo ungenamagada koko uthambile odibene ngokufanelekileyo.

Kaloku ukutyala kumhlaba odibeneyo ongenamagada kwenza ukuba izityalo zingasokoli ukuphuma nokuncanca amanzi.

Umhlaba onamagada awungenwa lula ngamanzi, umoya kwakunye nelanga nezinye izithako ezifunwa zizityalo. Ngeli xesha amafama akwagalela izithako ezifana nekalika ukuncedisa ukwaphula amagada emhlabeni. Lo mhlaba ke mfama uwuphethula wakugqiba usebenzise nezinye izixhobo zakho eziquka ierhe nediski konke oku kusenziwa ngeenjongo zokudibanisa umhlaba.

Umhlaba xa ulungisiwe ubangela ukuba amanzi aye lula kwiingcambu zombona okanye ezinye izityalo zakho. Xa izityalo zakho zifumana amanzi aneleyo ezingcanjini ziyakwazi ukuzilwela kwimbalela nezinye izihlaseli zombona wakho. Ukulungiswa komhlaba kubangela ukuba nezichumiso ezifakwa phezu komhlaba zikwazi ukuhla zihambe lula ukuya ezingcanjini zesityalo sakho.

Ukulungisa umhlaba yenye yeenzame ozenza kuba uqinisekisa ukuba ukwilinge lokufumana isivuno esihle. Kaloku isivuno esihle sihambelana nomsebenzi onzima owenzayo efama yakho.

Uninzi lwezityalo zithanda ukutyalwa kumhlaba olungiswe ngokufanelekileyo ukuze uvelise kakuhle loo nto ityaliweyo.

Eli ikwalixesha lokuthi logama kuphethulwa umhlaba kube kugalelwa izichumiso zendalo ezifana nomgquba.