Masixhasane mafama amnyama

Masixhasane mafama amnyama. Umfanekiso: People Images

Xa ukhangela indlela aqhuba ngayo amafama wezinye izizwe, baphumelela ngenxa yokuba bayaxhasana. Oku akwenza ngokuthenga iimveliso zamanye amafama logama ekwaxhaswa nangabantu bezinye izizwe.

Apha eMpuma Koloni sinamafama asebenza umsebenzi omhle kakhulu wokuba ngabanikazi bentengiso yasesidlangalaleni, okokuqala ukuba ibeyeyamadoda amnyama.

Olu luphawu lokukhula kwamafama amnyama ukuba akwazi ukuzenzela intengiso yasesidlangalaleni ngaphandle kokuxhomekeka.

Ezi ntengiso zidlala indima entle kwimeko yoqoqosho yeendawo ekuthengiswa kuzo logama ikwanceda ukukhulisa amafama amnyama. Kaloku amafama amnyama anembali yokuxhomekeka ekuthengeni imfuyo kumafama amhlophe, ingakumbi leyo ithengiswa esidlangalaleni.

Umfama uLucky Silwana waseNcora weImvelo Livestock wenza umsebenzi omhle kakhulu wokuthengisa iinkomo, iibhokhwe neegusha esidlangalaleni.

Rhoqo emva kweenyanga ezimbini, uSilwana uthengisela amafama amnyama imfuyo ukuze ayekuzikhulisela emakhayeni wawo.

Ngaphandle kokuba ethengisa, uSilwana uthengisa izinto zexabiso eziquka iinkomo zeNguni, Bonsmara, iibhokhwe zeBoer goat nezinye izinto.

USilwana ukwancedisa amafama ukuba kwenziwe umgalelo wokuthengelana imfuyo phakathi kwamafama amnyama aseMpuma Koloni.

Kubaluleke kakhulu ukuba axhaswe ukuze aqine nangaphezulu kumsebenzi wakhe, kwelinye icala oku kubonisa ukuba angazimela amafama amnyama.

ENtabankulu kwalapha eMpuma Koloni umfama uMandisi Mzoboshe wenza izinto ezibukwayo naye ngokwenza intengiso yasesidlangalaleni engaxhaswa ezimele ngenkqayi elangeni.

UMzoboshe sele eneminyaka ezenzela intengiso yasesidlangalaleni rhoqo ngoDisemba ngomhla weshumi elinesithandathu. Lo kaMzoboshe uyaziwa ngamafama amnyama namhlophe ingakumbi kuMasipala wesithili saseOR Tambo nakwiphondo laseKZN.

Kwintengiso yakhe uMzoboshe udala amathuba emisebenzi yethutyana kulutsha ngeentsuku aqhuba le ntengiso. Xa esenza oku usebenzisa umhlaba wakhe nezinye izixhobo ezikwaphuma kuye ngaphandle kokuxhomekeka kuncedo langaphandle.

UMzoboshe sele esaziwa ngokukhuphisana namafama amakhulu kweli kwimiboniso yamafama equka iRoyal Show yaseMgungundlovu. Ungumfuyi nomthengisi weegusha, iibhokhwe, iihagu, iinkomo kwakunye neemveliso zolimo eziquka umbona.

Ukuxhasa kwamafama amnyama kubaluleke kakhulu ukuze sikwazi ukukhulisa uqoqosho logama kukwakhula amashishini wezolimo wabantu abamnyama. Ukuxhasa kwamafama amnyama kunganceda ukuba amafama wakowethu aphucule umgangatho wezinto azithengisayo.