UMfundo Nongalo waseLugada, eMatatiele, eMpuma Koloni, ungqinelana neengcali zolimo kwihlabathi ngelithi iyakhula imfuneko yokuveliswa kokutya ngokulima nokufuya.
Lo mfama uqale ukulima kumhlaba oziihektare ezilishumi ngonyaka ka2018. “Sivelisa iimveliso eziquka ukutya kwemfuyo, izityalo kwakunye neenkukhu, sithengisa iimveliso zethu ezivenkileni naseluntwini ngokubanzi,” kutsho uNongalo.
UNongalo ngomnye wamafama asakhulayo abonisa umdla omkhulu wokudlala indima yakhe kwezoqoqosho kweli ngokulima nokufuya.
“Ndingumfama ndikwalilungu leSiyaphambili Ngendyebo Co-operative injongo yayo ikukuvelisa iindidi ezahlukeneyo zolimo nokufuya,” kucacisa uNongalo.
Lo kaNongalo ukhuthaza ulutsha noluntu ngokubanzi ukuba bakhangele ulwazi olufanelekileyo ukuze bakhuthazeke ukuqala iinzame zabo zokulima nokufuya.
“Iyakhula imfuneko yeemveliso ezifana neenkukhu eziphilayo nemifuno ngaphezu kokuba sicinga, ngoko ke kufuneka ukuba siqinise umsebenzi wokulima nokufuya,” ucacise watsho uNongalo.
Uthi baneenjongo zokunabisa ngamandla iimveliso zabo zokulima nokufuya ngeenjongo zokudala amathuba kwisininzi.
“Sijonge ukunabisa iimveliso zethu kwezolimo ngandlela zonke, sikwazimisele ukwandisa ulwazi nezakhono zabasebenzi bethu ukuze umsebenzi ukhule ngokubanzi,” uhambisa atsho uNongalo.
Uthi uneenjongo zokuba abengumnikazi wefama ngenye imini ukuze akwazi ukuvula amathuba adingwa kakhulu lulutsha loMzantsi Afrika.
“Inyama le siyityayo, ukutya esikutyayo kwakunye nempahla esiyinxibayo iveliswa ngeemveliso zolimo, ngoko ke masibuyele kwezolimo ukuze siphile sizondle thina neentsapho zethu,” ukhuthaza atsho uNongalo.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika