Emva kokufunyanwa ukuba iihagu ezingamashumi amabini kwifama iYuen Long eHong Kong zinomkhuhlane weehagu osuka kweli leAfrika, umfama unyanzelwe ukuba abulale iihagu ezingamawaka amathandathu.
Ingxelo yezolimo nolobo eHong Kong ithi, oku kuvele emva kokuba kwenziwe uphando kwiihagu zale fama ngenxa yesikrokro emva kokubona iimpawu.
Oku kunyanzelise ukuba umnikazi wale fama angavunyelwa ukuba akhuphe iihagu zakhe ngaphandle kwefama yakhe. Oku kuquka ukungena okanye ukuphuma kweehagu kule fama iYuen Long eHong Kong.
Ngabasebenzi basefama abangamashumi amathathu abathathele kubo uxanduva lokubulala ezohagu ngelizama ukuthobela iziphatha mandla ezisuka kuRhulumente waseHong Kong. Logama kulungiselelwa ukucocwa kwalo fama, uninzi lweehagu eziseleyo zibekelwe bucala ukuze zingadibani nezinye ezisuka ngaphandle.
Akavumelekanga lomfama ukuba athenge ezinye iihagu, kwaye akavumelekanga ukuba athengise iihagu de kuphele ixesha elisikwe nguRhulumente.
Amagosa kaRhulumente waseHong Kong ajongene nempilo yezilwanyana akwiphulo lokucoca loo fama ukuze kuqinisekiswe ukuba akukho zimpawu zalo mkhuhlane kwakho.
Lo mkhuhlane ubangele umonakalo omkhulu kakhulu kumafama weehagu kweli loMzantsi Afrika, kwaye iMpuma Koloni ayikhange isinde kulo ntlekele.
Maxa wambi uRhulumente woMzantsi Afrika nje ngoRhulumente waseHong Kong uye anyanzelise ukubulawa kweehagu ezifunyenwe zinalo mkhuhlane. Uninzi lamafama aqalayo ingakumbi amnyama kweli abhenela ekufuyeni iihagu kuba kulula ukuzigcina, ukuzikhulisa nokuzondla kananjalo.
Amagosa ezempilo eHong Kong kwelawo icala anyanzelisa ukuba inyama yehagu iphekwe ngokupheleleyo ukuqinisekisa ukuba siyabulawa esi sifo ukuba sikhona kwinyama ethengiweyo.
URhulumente welalizwe ngelizama ukuqinisekisa ukutshatyalaliswa kwesi sifo uxelele umbutho iWorld Organisation for Animal Health ephantsi kombutho wezizwe ezimanyeneyo malunga nesi sifo.
Ingxelo kaRhulumente waseHong Kong ithi, lomkhuhlane weehagu ububonwe kwifama ethile kwela lizwe ekuqaleni kwalo nyaka.
Abafana Bes’thende babambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership!