Nqanda iinkukhu zakho zingatyi amaqanda

Inkukhu isitya iqanda layo. Umfanekiso: Learn Poultry

Xa ungekaziboni iinkukhu zisitya amaqanda wazo, akukho lula ukukholelwa ukuba ziyawatya amaqanda, kwaye akukho lula ukuzisusa kulo mkhwa xa ziqalile. Xa zithe zangcamla ubumnandi bamaqanda, iinkukhu kunzima kakhulu ukuziyekisa de uthathe amanye amanyathelo. Funda apha uve ukuba ungayilwa njani ingxaki yeenkukhu ezitya amaqanda wazo.

1. Qinisekisa ukuba ukutya kwazo kunezakha mzimba zeprotheni eyalenelo, umyinge weprotheni ekutyeni kwazo kumele ukuba ufikelele kwishumi elinesithandathu ekhulwini leepesenti. Iinkozo zikajongilanga ziqulethe iprotheni eyaneleyo ukuba ingatyiwa ziinkukhu zakho.

2. Iinkukhu zakho mazivelise amaqanda anamakhoba aqinileyo, oku ungakwenza ngokuzinika ukutya okunezakha mzimba zekhalsiyam eyaneleyo. Xa zifumana ikhalsiyam eyaneleyo, zivelisa amaqanda aqinileyo ezingekhe zikwazi ukuwaqhekeza ziwatye.

3. Xa inkukhu ingafumananga ikhalsiyam eyaneleyo, ivelisa amaqanda athambileyo, zitsho zikwazi ukuwatya lula amaqanda. Xa kuthe kwenzeka ukuba iqanda lenkukhu lophuke phambi kwazo iinkukhu zakho, khawulezisa ucoce zingafikeleli kwelo qanda.

4. Ungazenzela usinga weqanda elenziwe ngeplanga okanye umthi, okanye ungathatha nebhola yegalufa. Emva kokuba zizame ukophula aba singa bamaqanda, ziyatyhafa zingaphinde zizame ukophula iqanda.

5. Gcwalisa iqanda lakho elophukileyo ngemastadi, uziyeke zingcamle, kaloku iinkukhu ziyayicaphukela kakhulu imastadi. Xa zithe zayingcamla, ziza kucaphukela ukungcamla iqanda.

6. Qokelela amaqanda wakho rhoqo, waqokelele kabini okanye kathathu amaqanda ngosuku ngalunye.

7. Thenga izindlu ezisemthethweni zokuzalisela iinkukhu zakho, ngenxa yokuba zakhelwe, lo msebenzi zenza kubenzima ukuba inkukhu ifikelele kumaqanda ayo.

8. Amaqanda anesondlo kwinkukhu xa ithe yawatya, kodwa ezakho ziqhelise ukuba ziwatye amaqanda ephekiwe. Xa zikhe zangcamla aphekiweyo, azinakuphinde ziwathande angaphekwanga amaqanda.

9. Gcina iinkukhu zakho zixakekile ukuze zahlukane nokutya amaqanda okanye zingawaboni amaqanda emva kokuba ziwazele.