Oomatshini bokuzenzela iingqatha sisisombululo mfama

Oomatshini kwezolimo yimpendulo. Umfanekiso: Facebook

Amafama amnyama ayadleka echitha imali ethenga ukutya kwemfuyo ebenokuzenzela ngaphandle kokuthenga kwabanye abantu.

Oku kulula kuba uninzi lwezinto ezixutywa ukwenza ukutya kwemfuyo ziyalinywa, zimbalwa kuzo ezingaveli kwiimveliso zolimo.

Oku kuthetha ukuba amafama mawaqalise ukufunda ngoomatshini abavelisa iipelethe ezityiwa ziinkomo, iigusha, iibhokhwe, iihagu kwakunye neenkukhu.

Uninzi lwamafama akowethu ajikeleza ezivenkileni ukuthenga iingqatha ezityiswa impahla. Iindidi zengca, neendidi zokhula zizo ezisetyenziswa ukuvelisa ukutya okwenziwa ngoomatshini kubekwimile yengqatha okanye ipelethi.

Kufuneka ukuba amafama adibane enze imigalelo yokuthenga aba matshini ukuze kuqaliswe ukuveliswa kokutya kwemfuyo.

Iinkampani ezivelisa aba matshini zingavuma ukungena ezilalini zifundise amafama ngeendlela zokuzivelisela ukutya kwemfuyo. Oku kungaphungula imali echithwa ukuthenga ukutya kwemfuyo.

Oomatshini kwezolimo yimpendulo. Umfanekiso: Facebook

Kwelinye icala, amafama angafunda ukuzenzela ukutya kwawo logama esonga imali kwelinye ke icala.

Imigalelo yamafama ingenza ukuba kubelula ukuba amafama akwazi ukuthenga aba matshini ukuze aqalise ukuvelisa ukutya kwawo.

Ngenxa yoku, amafama angatsho akhuthazeke ukulima umbona, amazimba, ingqolowa nezinye izinto ukuze adibanise ukuvelisa ukutya kwemfuyo.

Izinto ezigalelwa kwaba matshini zezi zikhoyo ngaphakathi kwekhaya, eziquka itshungu, ilindle lenkukhu nezinye izinto ezijika zibesisidlo kwimfuyo.

Ukuthenga aba matshini bokwenza iingqatha ezityiwa yimfuyo kungenza ukuba umfama achithe ixesha elininzi kwifama yakhe ayeke ukuphuma esiya kuthenga.

Oomatshini kwezolimo yimpendulo. Umfanekiso: Facebook

Izizukulwana ezininzi ezizayo zingatsho nazo zahlukane nokuthenga ukutya kwemfuyo kwiivenkile zabo bazimisele ukuxhaphaza amafama amnyama. Umfama onokuzithengela aba bamatshini angatsho ajike ibenguye ovelisa ukutya kwemfuyo ukuze athengise.

Kufuneka kuqala umfama lowo akhangele ulwazi ngezona zinto zixutywayo ukuze kuphume ezi ngqathana zithandwa yimfuyo. Lo matshini uvelisa ngaxeshanye iingqatha ezityiwa ziinkomo, iibhokhwe, iigusha, iinkukhu kwakunye neehagu zakho mfama.

Urhulumente usokolo ememelela ukuba amafama amnyama aqalise ukufunda nzulu ngoomatshini abahlukeneyo kwezolimo nokufuya ukuze bakhule ngokuzivelisela izinto abazifunayo.