Ootata zintloko zamakhaya

Ukusukela kwamhla mnene, ootata bebezintloko kumakhaya abo, oku bekubonakalisa ngokukhokela inkqubo yokuveliswa kokutya kumakhaya abo. Ootata ngabo abathenga iinkomo, iigusha neebhokhwe ezifuywa kumakhaya abo, kwaye ikwangabo abakhathalela le mfuyo.

Ngootata abanegunya noxanduva lokukhuselwa nokukhuliswa kwemihlambi yabo, bakhusela imihlambi kwizilo ezihlaselayo, kwizifo nakumasela ajonge ukuthatha kwimihlambi yabo. Ngaphandle kootata, inkqubo yokulima nokufuya ayinakuphumelela, ngoko kubalulekile ukuba ootata bonke bavuke bathabathe inxaxheba yabo kwinkqubo yokulima nokufuya.

INkulubaphathiswa yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, ungenelele ukubonisa inkxaso yakhe kwinkqubo yokukhulisa amakhaya ngokulima nokufuya. Oku kungqanyaniswe nosuku lokunika imbeko nokukhumbula igalelo lootata entlalweni ngokuthi usuku lomhla weshumi elinesibhozo umiselwe njengomhla wootata eMzantsi Afrika.

Njengentloko yoRhulumente wePhondo leMpuma Koloni, uMabuyane uthathe imifanekiso ebonisa inxaxheba yakhe nenkxaso yakhe kwinkqubo yokulima nokufuya ekhokelwe ngootata. Le nkqubo ibikhokelwe liSebe lezoLimo eMpuma Koloni phantsi koMphathiswa uNonkqubela Pieters.

UMandisi Mzoboshe ngumfama odumileyo nowaziwayo weli leMpuma Koloni ozinze kwidolophu yaseNtabankulu kwelamaMpondo. Eli Sebe lityelele uMzoboshe ngelizama ukubonisa intathonxaxheba yootata kwiinzame zokuveliswa kokutya logama bekwakhusela amakhaya abo.

Ootata ngenene zintloko zamakhaya, bekwazintloko kwinkqubo yokulima nokufuya emakhayeni nakwintlalo yabo. UMzoboshe ulima amasimi angaphezu kwamakhulu amathathu kwiilali zaseNtabankulu. Ukwangumfama wokuqala omnyama ukuba enze intengiso yasesidlangalaleni eyeyakhe eNtabankulu.

“Sele kukudala ndisenza lo msebenzi, ndithengisa esidlangalaleni njengamanye amafama aziwayo kwaye andizoyikiseli izinto endizithengisayo,” kutsho uMzoboshe.

Lo kaMzoboshe ukwangumfama wokuqala omnyama, kwaye isenguye kuphela okwazi ukungenela kumbonisi wodumo wakudala iRoyal Show ebanjwa minyaka le eMgungundlovu.

“Oko ndaqala ukungena kwiRoyal Show ndiyaphumelela yonke le minyaka, amafama amhlophe ayayothuka minyaka le ukuba kukho umntu omnyama onokukhuphisana nawo,” utsho uMzoboshe.

Kunyaka ophelileyo iigusha zakhe ziphumelele kukhuphiswano lwezona gusha zincinci zityebileyo kwiRoyal Show.

“Igusha inye apho yaphumelela imali engamawaka asibhozo, zona igusha zazilishumi elinesibini, kwakunzima, abelungu bengcwengisa,” utsho uMzoboshe.