UNoncedo Khawuleza-Ndzawuse ngumfama weehagu oqale ukufuya ngeehagu ezintathu kuphela. Lo mfama uneehagu ezingamakhulu amabini ngoku kumhlatyana wakhe eFaure, eStellenbosch, eNtshona Koloni.
UKhawuleza-Ndzawuse ngumfama okwangumama wabantwana abathathu, uthengisa iimveliso zakhe kwiivenkile zenyama nakubathengi ngokunjalo.
“Ishishini lam liqhuba kakuhle kakhulu, ngaphandle kwengxaki ndenza umahluko empilweni yam nakusapho lwam ngokunjalo,’’ kutsho uKhawuleza-Ndzawuse.
Uthi wabona ithuba kwimveliso yenyama yehagu emva kokushiya kwakhe kumsebenzi wakhe wokuba ngunogada.
“Kulungile ukuba ubengumphathi wakho ungaphathwa ngomnye umntu, iihagu zikhula msinya kwaye aziyongxaki xa uzikhulisa, kufuneka uchithe ixesha lakho kwishishini lakho,’’ kutsho uKhawuleza-Ndzawuse. Uhambisa athi wafunda ukufuya kuyisemkhulu eMpuma Koloni nalapho wathi waqalisa ukuthanda ukufuya iihagu.
“Zitya kabini ngemini ezi hagu, ingxaki endinayo kukunqongophala kwamanzi, ndithutha amanzi ngemoto ukuze zisele iihagu zam,” kutsho uKhawuleza-Ndzawuse.
UKhawuleza-Ndzawuse uzixhelela ngokwakhe iihagu aze kamva azithumele ukuba ziyonqunqwa ukuze zibe yinyama ethengiseka lula.
“Singenisa imali engamawaka asixhenxe kwihagu nganye esiyixhelayo, ukuze ukwazi ukwenza imali kufuneka ukuba uzamkele iingxaki ezihamba nomsebenzi wakho,” ukuthaza utsho uKhawuleza-Ndzawuse.
Imveliso yeehagu ngenene ilula kwaye inenkcitho engephi xa umfama ezimisele ukusebenza ngokuzinikela emsebenzi wakhe.
UMakhaya Ntini uthi ukulungele ukuncedisa kwiKFC Mini-Cricket