Sigonyela ntoni mafama?

Umzimba wesilwanyana sakho mfama udalwe ukuba ukwazi ukuqaphela izinto ezingamangenela emzimbeni okanye egazini lesilwanyana.

La mangenela ke ixesha elininzi aqulatha ubumdaka obubangela izifo ezinganyangekiyo okanye ezibulalayo. Ukuba umzimba wesilwanyana ukwazile ukuqaphela la mangenela ngoko nangoko uvelisa izithako okanye amajoni okulwa la mangenela.

Xa ezi zifo okanye amangenela efika kumzimba wezilwanyana ezingagonywanga afika abangele ukugula kwisilwanyana eso, okanye maxa wambi side sife isilwanyana sakho.

Ugonyo lwesilwanyana sakho yindlela yokukhuthaza kunye nokuvuselela amajoni omzimba ukuze akwazi ukulwa nezifo namangenela emzimbeni wesilwanyana.

Iindidi zezigonyo zezilwanyana ziqulethe amandla angumangaliso athi akwazi ukuchitha okanye atshabalalise la mangenela emzimbeni wesilwanyana. Oku kubhekisele kwiinkomo, iigusha, iibhokhwe, amahashe nezinye ke izilwanyana zasefama, nenja ngoku njalo.

Umzimba uqaphela kwangoko ukungena kwesigonyo uze udale iqela lamajoni azakuncedisana nesigonyo eso ukulwa namangenela amdaka kumzimba wesilwanyana sakho.

Ukugonywa kwesilwanyana kwenza ukuba umzimba wesilwanyana sakho womelele ukwazi ukulwa namangenela nezifo ezibulala imfuyo mihla.

Kukho ke izigonyo ezijoliswe kwizifo ezithile ukuze zizithintele ngexesha elithile enyakeni. Isilumkiso ke mfama sesokuba ungaze uyenze impazamo yokugonya izilwanyana zakho xa zikhulelwe, kodwa ke zikho izigonyo ezisebenza kwizilwanyana ezithile ezimithiyo.

Kubalulekile ke mfama ukuba uhlale ufumana ulwazi kuGqirha wezilwanyana wengingqi yakho rhoqo xa uneenjongo zokugonya izilwanyana zakho.

Kukho izigonyo ezinyanzelekile ukuba zisetyenziswe ezilwanyaneni, logama kukwakho ezo zisetyenziswa kuba kubalulekile ukuzisebenzisa. Ukugonya izilwanyana zakho yenye yeendlela eziphambili zokunqanda nokulwa nezifo ezihlasela umhlambi wakho mfama.

Ukulwa nesifo sele sihlasele imfuyo yakho kunzima, kodwa ukuthintela ngoku gonya kokona kulula ukuze uhlale unomhlambi okhuselekileyo.

Iimvula ziyanetha ngenxa yoko kumanzi okanye kuhlala kufumile ngamaxesha onke. Izifo ezininzi ezibulala imfuyo zenzeka lula xa kufumile kuze kuphinde kubekho ukufudumala, ngoko ke qaphela ukuba imfuyo yakho igonyiwe mfama.