Sihle isivuno sengqolowa eZimbabwe

Kulindeleke ukuba afumane isivuno sengqolowa esihle amafama wengqolowa kwilizwe laseZimbabwe kunyaka-mali ka2024.

Yingqolowa elinywe kumhlaba oziihektare ezingamashumi asibhozo anesibini amawaka evunwe ekuqaleni kwenyanga ephelileyo kwela lizwe.

Kunyaka ophelileyo, yingqolowa ekumhlaba oziihektare ezingamashumi asibhozo amawaka kuphela ethe yavunwa eZimbabwe kwisizini egqithileyo.

Amafama wengqolowa eZimbabwe anethemba lokuba aza kuvuna ingqolowa eqikelelwa kumakhulu amane anamashumi amabini amawaka weetoni.

Kunyaka ophelileyo amafama wengqolowa eZimbabwe afumene isivuno sengqolowa esikumakhulu amathathu namashumi asixhenxe anesihlanu samawaka weetoni.

Iphephandaba eliphambili kwela lizwe, iZimbabwe Mail, lithi oku kubonisa ukuba ela lizwe lisendleleni yokuba libe lelinye lamazwe ahamba phambili kwimveliso yengqolowa.

Ngonyaka ka2022 ingqolowa iye yafuneka ngamandla kwela lizwe ngelizama ukulwa iingxaki zokunqongophala kokutya.

Ngamakhulu amathathu namashumi amathandathu amawaka eetoni ingqolowa ebivunwe ngonyaka ka2022 eZimbabwe.

Amafama wengqolowa eZimbabwe athumele ingqolowa kumazwe aquka uMzantsi Afrika, Latvia, Rashiya naseUkraine ngonyaka ka2022. Isivuno salo nyaka siza kwenza ukuba ela lizwe ligcine koovimba balo ingqolowa eyaneleyo.

UJohn Basera usebenza kwisebe lezolimo eZimbabwe, uthi imali echithwe ngurhulumente kumalinge okuvuselela imveliso yengqolowa ihambe ngokwesicwangciso. “Silindele ukuba imveliso yengqolowa yenze igalelo elimandla kwingeniso kazwelonke kwilizwe laseZimbabwe ngokubanzi,” kutsho uBasera.

Uhambisa athi ukukhula kwemveliso kuza kunyusa ubukho beemveliso zengqolowa eziquka izidlo zakusasa. “Ngaphandle kwengqolowa ilizwe lethu likwalindele ukuba kubekho ukukhula kwimveliso yombona namazimba,” kutsho uBasera.