USiphelele Ncayiyana ngumfama osakhulayo obonakalisa umdla omkhulu wokuba ngumfama ophumeleleyo ngenye imini.
Ukhuthazwe ngunina kwakunye noSiphesihle Maseko ukuze abone ikamva kwezolimo, edibanisa oku nokukhuthala kwakhe.
“Ngenxa yokuzinikela kwam okunyanisekileyo kwezolimo ndikwazile ukumisela inkampani ebizwa ngokuba yiSpheh Elliot Pty Ltd,” kutsho uNcayiyana.
Lo mfama uvelisa imifuno equka ikhaphetshu, ispinatshi kwakunye netapile kwilali yakwaJali eHarding kwiphondo laseKZN.
“Ndiqale ngenyanga yoKwindla kunyaka ophelileyo, umama wam udlale indima enkulu ukundikhuthaza kwezolimo, kwakunye noSihle Maseko waseQoboqobo,” uhambisa atsho uNcayiyana.
Uthi unina wayekuthanda kakhulu ukulima, waza ngenxa yoko wazibona naye esuleleka kuthando lezolimo.
“Umama ebenazo zonke izixhobo zolimo, ekuthanda ngenene ukulima, kodwa sonke ekhaya besingamthatheli ngqalelo kule nto yakhe yokulima,” kucacisa uNcayiyana.
Imifanekiso kaSihle Maseko ebeyibona kumakhasi onxibelelwano idlale indima enkulu ukumkhuthaza ukuba abone ikamva kwezolimo.
“Ndiqale ukulima kwigadi kamama wam ngokuthi ndityale imifuno ngeenjongo zokuthengisela uluntu, logama kwelinye icala ndizidalela amathuba okusebenza,” kutsho uNcayiyana.
Ukwasebenzise eli thuba ukuncoma inkxaso ayifumana kubahlali bendawo asuka kuyo eMawane eHarding.
“Abahlali bendawo endihlala kuyo bajike bayinkuthazo yam, bayathenga kakhulu, ngoku ndithengisela nevenkile yakwaSpar apha eHarding, nabantu abathengisa esitalatweni,” kutsho uNcayiyana.
Baninzi abantu abatsha nabadala abasoloko befuna ukuqalisa ishishini lokulima nokufuya, kodwa abade baqalise.
“Ulimo lufuna ngamandla ukuba umntu azinikele, asebenze nzima kuquka nokuthanda ulimo okungazenzisiyo,” kutsho uNcayiyana.
Luninzi ulutsha oludinga umsebenzi olusuka lujike lube ngamaxhoba okwaphula umthetho baphelele entolongweni.
“Yindlela yokuphila ulimo, akuphelelanga ukuba kube ngumsebenzi, kufuna umonde nokunyamezela okumandla,” kutsho uNcayiyana.
Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon, utsho uDesiree Ellis