Tyelela efama neentsana zakho

Tyelela efama neentsana zakho.

Ezinye zezinto abakhula bezibona abantwana zinefuthe emandla kwizinto abathi bazilandele xa bekhangela ikhondo lomsebenzi kwikamva labo. Ixesha leeholide lixesha apho abazali bathi bakhuphe abantwana ukubasa kwiindawo ezahlukeneyo.

Okothusayo kukuba bambalwa abazali abasibonayo isizathu sokusa abantwana babo ezifama. Oku kunganceda ukukhulisa, nokuphuhlisa iingqondo neendlela abantwana abakhula ngayo.

Tyelela efama neentsana zakho.

Efama kulapho kuveliswa zonke izinto abazityayo emakhayeni abo, kwaye ngokuqinisekileyo banayo imibuzo. Ukufundisa umntwana okanye ukubonisa umntwana into ethile esemncinci kwenza ukuba akhule eyikhumbula lonto wakhe wayibona.

Amaxesha amaninzi abazali bathuthela abantwana babo kwimiyezo yezilwanyana, kunqabile ukufumana umzali esisa umntwana wakhe efama konziwa khona ukutya. Ukutyelela efama kunemfundiso emandla eyakuhlala ihleli engqondweni yomntwana wakho ubomi bakhe bonke. Ungabeva bebalisela abanye ngento abayibone efama, ngokwenza njalo kwanda ulwazi oluhambayo malunga neyona nto iqhubeka efama.

Nezikolo ezi zihlala zithumela abantwana kutyelelo rhoqo entwasa hlobo, kodwa kukambalwa ukuba uve kusithiwa abantwana bebetyelele ifama ethile. Ukutyelela ifama kuvula iingqondo logama kukwanika umntwana ithuba lokuba akrobele iinkalo ezizezinye ngobomi. Ukufundiswa komntwana esemncinci indlela ekuveliswa ngayo ubisi, iziqhamo, inyama nezinye kunganceda ukwakha umkhosi wamafama ayakuvelisa ukutya kwixesha elizayo.

Intatho nxaxheba yabantwana ibalulekile ukwakha ikamva.

Xa umntwana wakho ebona ubisi evenkileni akanalo ngokwaneleyo ulwazi ngokuba luvelaphi ubisi. Kukwanjalo xa ebona amaqanda okanye imifuno, uhlala enemibuzo eminzi. Kumaphondo afana neNtshona Koloni ufumana abantu behamba neentsana zabo ukutyelela iifama ezivelisa amaqunube, kodwa akukho mfundiso ingako. Xa befika aba bantwana kwezifama zamaqunube kubhatalwa imali kwakugqitywa kukhiwe iqunube kugodukwe. Ndiqinisekile ukuba amafama angakuvuyela ukwabelana ngolwazi kwakunye nabantwana abancinci okanye abantwana besikolo.

Kweli leMpuma Koloni kukho izikolo zamabanga aphakamileyo ezifundisa izifundo zolimo, kumele ukuba aba bantwana batyelela ezifama rhoqo. Kwilizwe laseNgilane kwindawo yase Warwickshire kuthwa abazali baxakene nabantwana abasoloko befuna ukuya kubukela okuqhubeka efama.

Abantwana bebonisa umdla wabo kwizityalo.

Oku kwenze ukuba kubekho intsebenziswano phakathi kwabantwana, abazali kwakunye namafama. Amafama kuthwa ayakuvuyela ukubona abazali befika neentsana zabo rhoqo ngempelaveki. Aba bantwana bafunda izinto ezahlukeneyo eziqhubeka efama, ngoku kodwa ngeendlela ekuveliswa ngayo ukutya.

UCharles Goudbay uthi unyana wakhe uthanda kakhulu ukubukela, ukusebenza nokuhlamba ugandaganda. “Okona kwenza ukuba sityelele efama unyana wam uthanda ukusebenza ngogandaganda, okanye uthanda ukubukela ugandaganda esebenza, ndisengxakini,” kutsho uGoudbay.

Ukubukela inkukhu ezalayo, inkomo etyayo okanye ukudlala ngobulongwe beenkomo zezinye zezinto abazithanda kakhulu abantwana.