Usomashishini welizwe laseNigeria, uAliko Dangote, uhamba phambili kweli leAfrika ehleli kwindawo yesibini kwihlabathi ukuvelisa itumato neemveliso zayo.
UDangote uyaziwa kwezoshishini kwihlabathi ngenxa yokuba evelisa iimveliso eziliqela, igama lakhe lihlonitshiwe kwezoshishino.
Kuthiwa uchithe imali ekumashumi amabini ezigidi zeedola zaseMelika ukumisa ifama yakhe yokulima iitumato neemveliso zayo.
UDangote uthathe isithuba seminyaka emihlanu ukumisa ishishini lakhe lokuvelisa itumato nezinye iimveliso zetumato.
“Eli shishini liphungule umyinge wetumato neemveliso zetumato ezingena kweli laseNigeria zivela kwamanye amazwe, ukudala amathuba emisebenzi nokuxhasa inkqubo yezolimo eAfrika,” kutsho uDangote.
INigeria ebihamba phambili ngokuvelisa iimveliso zetumato eAfrika ngonyaka ka2022.
“Iimveliso zethu zetumato zithengiswa kakhulu kumazwe aquka iChina, kwaye sijonge ukukhulisa imveliso yethu yetumato ukuze inyuke kwizinga elingentla, sifuna ukuvelisa itumato eyanaleyo eNigeria ukuze sithumele kumazwe angaphandle,” kutsho uDangote.
Ilizwe laseJiphethe nalo lihamba phambili ngemveliso yetumato eAfrika.
“Ingxaki yokungabinandawo yokugcina isivuno sethu ibangela ilahleko emandla, silahlekelwe sisivuno esiqikelelwa kumashumi amane eepesenti ekhulwini ngenxa yokubola okubangelwa kukungabikho kwendawo efanelekileyo,” kucacisa uDangote.
Uthi ingxaki yokuhanjiswa kwemithwalo yenye yeengxaki abajongene nazo bengamafama avelisa itumatu.
Ukukhulisa le mveliso uDangote unendawo yakhe evelisa izithole zetumato ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba iyaqhubeka imveliso yetumato kwela lizwe.
UNasreddine Nabi uthumele umyalezo kubalandeli beKaizer Chiefs