Ngaphandle kwamathandabuzo ukucima kombane okuqhubeka kweli kunegalelo elibi nelibuhlungu kumsebenzi wokuveliswa kokutya ngamafama. Nangona iSebe lezombane lisebenza nzima ukulwa ukucima kombane kuzwelonke kodwa sele wenzekile umonakalo kumafama amaninzi.
Uphando olenziwe yiAgri South Africa lubonisa ukuba ngamashumi amathathu anethoba epesenti ekhulwini amafama avelisa angabelimi athe athwaxwa kabuhlungu ngucimi-cimi wombane kweli. Le ngxelo ithi ngamashumi amathathu ananye epesenti ekhulwini amafama emfuyo anyanzeleke ukuba athobe amanani wemfuyo yawo.
Engqinela iAgri SA uMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eNtshona Koloni uIvan Meyer uthi ngamashumi amahlanu anesithandathu epesenti ekhulwini amafama alahlekelwe yimveliso ngenxa yocimi-cimi wombane.
“Kufuneka sifumane izisombululo ezihambelana nendawo zethu ukuze sisombulule iingxaki zethu, ixesha lokulinda uRhulumente kazwelonke liphelile,” kutsho uMeyer. Uthi amafama eNtshona Koloni afumene ilahleko yamashumi amahlanu anesithandathu ekhulwini epesenti ngenxa yokucima kombane.
Ukucima kombane kuphazamisa ukunkcenkceshelwa kwamasimi, ukwenziwa kokutya kwemfuyo okwenziwa ngomatshini abasebenzisa umbane, ukusengwa kwenkomo ezisengwa ngomashini abasebenzisa umbane nezinye.
Ingcali yezezimali uBhekani Zondo weNational Agricultural Marketing Council uthi ucimicimi wombane uzichaphazela zonke izigaba zokuveliswa kokutya ngamafama kweli. Uthi imveliso yenyama yenkukhu, yehagu, iziqhamo nemifuno zonke zibetheka ngamandla ngenxa yokuhamba kombane eMzantsi Afrika.
“Intlungu yokucima kombane ichaphazela amafama ngokushiyana kwawo, amancinci, aphakathi namakhulu ngokunjalo,oku kungalibazisa ngamandla ukukhula kwezolimo kweli,” kutsho uZondo.
Uthi ukukhula ngokulinganayo komsebenzi owenziwa ngamafama kweli kuzakulibaziseka ngenxa yokucima kombane okuphazamisa ukulima nokufuya. “Amafama anyanzeleka ukuba atshintshe izicwangciso zawo, athathe imali ibibekelwe ezinye izinto iyekusebenza kwingxaki ezidalwa kukucima kombane, umzekelo kukuthenga ijanareyitha,” kutsho uZondo.
Uninzi lemveliso zamafama welizwe loMzantsi Afrika luyankcenkceshelwa, kwaye olonkcenkcesho lenziwa ngomatshini abasebenzisa umbane. “Amafama achitha imali eninzi ethenga idizili ngelizama ukugcina izibane zikhanya, kusetyenzwa ezifama ukuze kwenziwe imveliso,” kutsho uZondo.
Ngamafama akumakhulu amahlanu ekuthethwe nawo ngethuba kusenziwa uphando ngegalelo locimicimi wombane ezimpilweni zamafama. Uninzi lamafama kweli liphungule inani labasebenzi, logama amanye amafama athengise ifama zawo. Ukuthengiswa kwefama mihla le kweli bubungqina bokusindwa kwamafama ngumthwalo wengxaki ezinye zazo ezibangwa kukucima kombane.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?