Kumaxesha angaphambili amafama ayesebenzisa izinja noluntu ukwalusa izityalo zabo ukuba zingatyiwa zintaka nazimpahla. Kwangelo xesha linye amafama ayekwathembele ngamandla kwisixhobo sakudala sokugxotha iintaka, izilwanyana noluntu emasimini ugqekemfane.
Ugqekemfane lo ngumfo ogqingwa ngumfama ngokusebenzisa amakhuni aze enziwe amile okomntu, anxityiswe iimpahla, athwaliswe nomnqwazi maxa wambi uphathiswa nentonga. Indlela amila ngayo yenza ukuba isela, iinyamakazi, iintaka nezinye izaphula mthetho zicinge ukuba ngumntu ngenene.
Amasela nazo zonke izinto ezingenelela emasimini zimoshe zisoloko ziqinisekisa ukuba akukho bani uzibonayo. Indlela anxityiswa ngayo yenza ukuba impahla yakhe iphephezele ngoku ngathi ngumntu wenene.
Amafama amaninzi athanda ukuyeka ingalo ezi ziphephezele ngamandla zitsho ezo zinto zitya izityalo zibuye umva. Imbali ithi ugqekemfane sisixhobo sakudala esasisetyenziswa ngamafama ngokuhambelana nalo maxesha.
Iintaka zezona zisoloko zinqandwa ngamafama zokusebenzisa ugqekemfane, kaloku ziyathanda ukutya izityalo zizincinci okanye ngokuchopha phezu kwazo zizikhulu. Kwiindidi zentaka ezithanda ukutya izityalo zamafama ungabala unomyayi, intutyana, amahobe nonondlwana.
Ezi ntaka kuthwa ziza ngobuninzi ukuza kutya kwiindawo ezinezityalo ezizithandayo. Ubukho bukagqekemfane kwenza ukuba ezi ntaka zicinge ukuba intsimi leyo igadiwe ngumnikazi wayo okanye ngabantu abathile basefama.
Iintaka nezinye izilwanyana ezitya izityalo zenza umonakalo omkhulu emasimini xa zingagadwanga ngoogqekemfane. Ezinye izityalo xa zityiwe zintaka ziyasokola okanye azikwazi kuphinda zivuke kwakhona. Ezi zityalo zithengwa ngemali eninzi ngamafama, zingena ngamandla ezimalini zamafama.
Amafama alahlekelwa kakhulu ngenxa yokutya kwawo okutyiwa ziintaka, amatakane atyiwa zizilo zasendle nezinye iingxaki.
Phakathi kwezilo ezaziwayo ezitya izityalo ziquka iihagu zasendle, imivundla nezinye zonke zinqandwa ngokuthi umfama afake ugqekemfane entsimini yakhe. Ingxaki iqala xa zithe ezi zilo zaqaphela ukuba ugqekemfane lo akashukumi, akanabungozi kuzo.
Zitya izityalo ngamandla, zide maxa wambi zichophe phezu kwakhe zibonisa ukuba azimoyiki. Ukuba nogqekemfane entsimini kukhusela izityalo zakho mfama, logama zikwafumana ithuba lokukhula ngendlela.
Izityalo zasefama zikhula nzima zilibaziseke nokukhula ngenxa yokutyiwa ziintaka nezinye ke izilo zasendle. Kumaxesha angoku amafama asebenzisa izixhobo zala maxesha, kodwa xa zinokudityaniswa izixhobo ezifana nogqekemfane nezixhobo zale mihla kungakuhle.
Ngenxa yale lahleko amafama anyanzeleka ukuba asebenzise izixhobo ezifana nekhemera, onoxhaka, idroni nezinye ukuzama ukuphungula ilahleko eyenziwa zizilwanyana ezitya izityalo zabo. Maxa wambi amafama ayalimala ngenxa yokulwa ejijisana nezilo zasendle.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!