Ujonge kude nezolimo uMpehle

Umnikazi wenkampani yolimo iFreshest Agric Products uThemba Mpehle. UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA

Ukusukela ngo2021 uThemba Mpehle wase Mnyolo eNgcobo, uqalise iphulo lokulima imifuno ngeenjongo zokujika impilo yakhe nabahlali bendawo yakhe.

“Siqale ukutyala ngoCanzibe savuna ngenyanga yeKhala ngo2021, sinabasebenzi abangamashumi amabini ananye esi sebenza nabo,” kucacisa uMpehle.

UMpehle ngomnye wabelimi abangavumiyo ukuthezwa amandla zingxaki ezise malike yokuthengisa iimveliso zolimo. “Imveliso zethu zithengwa kakhulu ngabantu abamnyama, sifumene ingxaki kakhulu xa sizama ukuthengisela abamhlophe,” kutsho uMpehle.

Inkampani yakhe ibizwa ngokuba yiFreshest Agric Product ijoliswe ukuguqula ingcinga nendlela ulutsha olubona ngayo izinto. Uthi izikolo zaseNgcobo zithenga imifuno kuye phantse yonke imihla, kwaye oku kuyinkuthazo enkulu kuye.

Umnikazi wenkampani yolimo iFreshest Agric Products uThemba Mpehle. UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA

“Sijonge ukuba kule minyaka mihlanu izayo sibe yinkampani ephambili ukuvelisa imifuno kwiMpuma Koloni nakuzwelonke, kufumaneke yonke into eFreshest Agric,” uhambisa atsho uMpehle.

Uthi ujonge ukuba abantu abatsha babone ezolimo nje ngekamva labo. “Sifuna ukuba ulutsha luhlukane nokwenza iiCVs liqaphele amandla okuziphilisa alele kwezolimo, ikamva likwezolimo kuzwelonke,” kutsho uMpehle.

UMphehle uthi makuphandwe nzulu ngezolimo abantu bafune ukwazi ukuba lusuka phi ulimo, yintoni ulimo. Ubushushu bomdla wakhe kwezolimo buhlutshezwe yintlupheko aphuma kuyo, utsho uMpehle.

“Indlela esikhule ngayo, sikhule ngolimo, imeko yokungaqesheki kusenze ukuba sibuyele kwezolimo, sikhulele kumakhaya ebephila ngokulima,” kutsho uMpehle.

Umnikazi wenkampani yolimo iFreshest Agric Products uThemba Mpehle. UMFANEKISO: SIYABULELA MQIKELA

“Kubasebenzi esinabo sinabasebenzi abathathu abasisigxina abasebenza nathi, kuyalinywa, kuyavunwa kuyathengiswa,” kuqhayisa uMpehle.

Lo kaMphehle unikwe ithuba lokuba abonakalise iimveliso zakhe zemifuno equka ikhaphetshu, ispinatshi kwakunye neminqathe ngethuba kusungulwa inkqubo yokutyala umbona eNkondlo eNgcobo.

UMphathiswa weSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eMpuma Koloni uNonkqubela Pieters umisele eliphulo ekunye namagosa aphambili kwiSebe lakhe.

UMasipala waseNgcobo ngomnye wooMasipala abanezinga eliphezulu lentswelo ngqesho ingakumbi kubantu abatsha.

[BUKELA] Entsimini incokola noThemba Mpehle ongumnikazi wenkampani yolimo iFreshest Agric Products eNgcobo.