UKhetha usebenzisa izixhobo anazo zokulima

UKhetha Biyela Halala usebenzisa iindlela zakudala zokulima. Umfanekiso: Agriculture and Young/Facebook

UKhetha Biyela Halala ungumzekelo womfama wala maxesha kodwa uthembele ngokusebenzisa izixhobo anazo eziquka izixhobo zakudala ezifana nekhuba elitsalwayo needonki.

Amafama amaninzi aqhekeka intloko ngeli xesha lokulima umhlaba ekhangela oogandaganda bokulima.

Bambi bade bashiywe lixesha kuba bengakwazi ukufumana aba gandaganda, okanye bengenayo imali yokusebenza. UKhetha ungumzekelo kuba ubone ithuba elihle lokusebenzisa izinto anazo, ekwasebenzisa amava angaphambili.

UKhetha Biyela Halala usebenzisa iindlela zakudala zokulima. Umfanekiso: Agriculture and Young/Facebook

Amafama amaninzi asoloko esithi ixesha alikafiki, okanye awakabinayo into ethile ukuze aqalise ukusebenza, oku kwenza ukuba umntu alinde ngonaphakade.

Ukulima ngeedonki, amahashe neenkomo yenye yeendlela zakudala kumafama asezilalini. Imbali ithi ngaphambi kokufika kwentsimbi kweli, amafama ayesebenzisa ilitye ukuphethula umhlaba.

Eli litye kwakunyanzeleka ukuba lilolwe kuqala ukuze likwazi ukwenza umsebenzi wokuphethula umhlaba ngokukuko.

Ukufika kwentsimbi kweli kuqale kwenziwa izixhobo zentsimbi eziquka amakhuba wentsimbi.

UKhetha Biyela Halala nemveliso yakhe yespinatshi. Umfanekiso: Agriculture and Young/Facebook

Iidonki zilima kakuhle kakhulu xa umhlaba uthambile okanye umhlaba ungalinywanga. Ngaphandle kokuwuphethula, ziyakwazi ukuwabulala amadaga, zakugqiba zityale ngokusebenzisa iplantara.

Musa ukulinda into ongayaziyo mfama, qalisa ukusebenza ngezi zinto ziphambi kwakho ukuze ubone inkqubela yombono wakho.

Amaxabiso aphezulu okuthenga ugandaganda kungenza ukuba umfama angaze afikelele kubunikazi begandaganda entsha. Izinga eliphezulu lokonakala koogandaganda ezilalini nako kungenza ukuba abantu bangade balime imihlaba yabo.

UKhetha Biyela Halala. Umfanekiso: Agriculture and Young/Facebook