UMxolisi Nzimande ngumfama okhulayo eBergville kwiphondo laseKZN apho avelisa khona imifuno equka ikhaphetshu, isipinatshi, iitapile kwakunye netumato.
“Emva kokufunda ezolimo kumaziko ahlukeneyo aquka iMajuba TVET College, ndisebenze njengomsebenzi oqeqeshwa eKZN naseMpumalanga,” kucacisa uNzimande.
Uqhayisa ngelithi ukhule kwikhaya ebelifuyile lilima imihla yonke, kwaye oku kwamnceda ukukhulisa uthando lwakhe kwezolimo nokufuya.
“Nanjengokuba ibiyinto endikhule ngayo ekhaya, iye yakhula ngamandla le nto yokulima nokufuya emva kokuba ndiqokelele ulwazi kula maziko,” kutsho uNzimande.
Uninzi lwamafama amancinci afumana inkuthazo emakhaya kubantu abathile, ootata okanye oomama abazinikele kumsebenzi wokulima nokufuya.
“Mna ndikhuthazwe kakhulu ngutata, ungumfama ophume izandla naye, uhlala endixelela ukuba abukho ubomi ngaphandle kokulima nokufuya,” kutsho uNzimande.
Uthi uyise ebemthatha amse efama yakhe ukuba ayekubona umsebenzi oqhubeka efama ekwambonisa indlela yokusebenza yasefama.
“Ngonyaka ka2021 ndiye ndafumana umsebenzi kwifama iQutoms, nendithe emva kwexesha elincinci ndashiya kuba bendifuna ukuqala eyam ifama,” ugadlele watsho uNzimande.
Ukukhula engqongwe yimpilo nentlalo yasefama kwenza ukuba akhuthale, afunde nzulu ngeemveliso zasefama. “Kumafama amancinci afuna ukuqala ukufuya nokulima, lisekho ixesha lokwenza njalo, musani ukuthandabuza, khangela ulwazi uqalise ngezinto onazo, ungalindi izinto ezingekhoyo,” ucebise ngelo uNzimande.
Ukhuthaza ulutsha ukuba luqale ukulima nokufuya ngokuzinikela emsebenzini wawo, uthi ngenene akulula ukulima nokufuya kodwa kudinga abo bazinikelayo emsebenzini wabo.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika