Ngamafama oboya angaphezu kwamakhulu amabini athathe inxexheba kukhuphiswano labavelisi boboya olubanjwe eMatatiele. Olu khuphiswano lutsale umdla kumafama aphuma kwingingqi yaseMatatiele, Maluti naseMaclear ebonisa ngegusha zawo ezinoboya obuphezulu.
Olukhuphiswano luqhutywa minyaka le luququzelelwa yinkampani iWoolgrowers Communal ethe gqolo ukukhulisa nokukhuthaza amafama kwezolimo.Iinkunzi zegusha zoboya zezona zithathe indawo eninzi kolukhuphiswano nangona zikhona imazi namathokazi anoboya.
Le yenye yendlela ezikhuthaza amafama ukuba akhathalele imihlambi yawo ukuze ivelise uboya obuse mgangathweni.Ethetha namafama ngokuphuculwa komgangatho woboya uMphathiswa weSebe lezolimo eMpuma Koloni uNonkqubela Pieters wathi. “Ezi zonke zinzame zokukhuthaza ukuba nivelise iigusha zoboya ezisemgangathweni ukuze noboya benu bubesemgangathweni xa kunjalo nizakubona ingeniso ngoboya benu mafama,” watsho uPieters.
Ela Sebe libekele bucala imali engaphezu kwamashumi amabini ezigiqi zerandi ejoliswe ukuphucula iimveliso yoboya eMpuma Koloni. “Ukungena kwemali kumfama ngenxa yokuphucuka koboya kuyakubangela ukuba umfama akhule, akwazi ukuthenga ezinye iigusha ezisemgangathweni,amayeza nezinye izinto azidingayo,” ukhuthaza atsho uPieters.
Ngamathokazi angamashumi amahlanu angeniswe ngamafama ukuba khangelwe ukuba aqulethe uboya obufanelekileyo kusinina. La mathokazi aphuma kwindawo ezahlukene kwilali ezigudle intaba zokhahlamba kufutshane neMaluti, Mout Fletcher neMatatiele. Olukhuphiswano lamafama oboya luxhaswe zinkampani eziquka uBKB, Virbac, OVK kwakunye neSebe lezolimo nophuhliso lamaphandle eMpuma Koloni.
Amafama woboya enze umbulelo kwiSebe ngokuba ngomnye wabaxhasi abaphambi kolukhuphiswano. Inkampani iWoolgrowers Communal ijikeleza eMpuma Koloni nakumanye amaphondo iqhuba iinkqubo ezahlukeneyo ukufundisa, ukukhulisa nokuxhobisa amafama oboya.
Amafama aphumelele apha azakumela lengingqi kukhuphiswano lamafama oboya oluzakuqhutyelwa eTarkastad kwinyanga ezayo inyanga yeKhala. Ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yeKhala amafama oboya azakuba ebambene ngempondo eTarkastad kukhangelwa awona mafama anegusha ezinoboya obusemgangathweni.
URhulumente weMpuma Koloni uthe gqolo ukuxhobisa amafama oboya ngokuwakhela iindawo zokuchebela iigusha zawo,logama ekwaxhotyiswa ngolwazi. Uyakhula ngamandla umdla wamafama amnyama kwimveliso yoboya eMpuma Koloni nakwilizwe ngokubanzi.
Ukuphumelela kwala mafama kule midlarho kunceda ngokuba kuwenza ukuba akhuthale ngamandla kwimveliso yeegusha. IMpuma Koloni iphakathi kwamafama avelisa iigusha ezininzi kwilizwe loMzantsi Afrika. Ukanti kukwakho ingxelo zokuba idolophu yaseDutywa ihamba phambili ngokuvelisa iigusha kweli loMzantsi Afrika.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike