Amafama amaninzi asakujongela phantsi ukwenza imali ngokuthengisa ubisi lwebhokhwe. UMaretsepile Kopo waseMaseru, eLesotho wenza imali ngokufuya iibhokhwe zobisi athi kamva athengise ubisi lwazo. Ubisi lwebhokhwe liqulethe izakha mzimba ezifunwa ngumzimba, ingakumbi iintsana.
Kumaxesha angaphambili, abadlezana babexhomekeka ngamandla kubisi lwebhokhwe kuba lilo ebelifutshane kubo ngenxa yeqondo lendlala. Iimveliso zakhe zobisi zithengiswa kwiivenkile zeMilco, ezithengisa kuphela iimveliso zaseLesotho.
Ubisi lwebhokhwe lukaKopo luyafumaneka kudederhu lweevenkile ekuthiwa yiSefika kumbindi weMaseru.
“Ndiqale ukuvelisa ubisi lwebhokhwe ngonyaka ka2019 emva kokuba ndathi ndazimasa inkomfa yamafama asakhulayo apha eLesotho,” kutsho uKopo.
UKopo uthi lulwazi olaluphuma apho olabangela ukuba akubone kunekamva ukufuya iibhokhwe, ingakumbi ngeenjongo zokuvelisa ubisi.
“Ulwazi apho lwandiqinisa, lwandivula amehlo ukuze ndibone ukuba imveliso yeebhokhwe ngokwenene inalo ikamva kula maxesha anzima kangaka,” ucacise watsho uKopo.
Uhambisa athi izakha mzimba eziqulethwe lubisi lwebhokhwe yenye yezinto eyenza ukuba kubelula ukuthengisa ubisi lwebhokhwe eluntwini lwaseLesotho.
“Ndaqala ngeebhokhwe ezimbini kuphela nezathi kamva zandinika amatakane amabini, yonke ke le nto yaqala ngolo hlobo ngonyaka 2020, kuba mna ndandizithenge ngo2019,” uhambisa atsho uKopo.
Uthi usebenzise amaqonga afana noFacebook ukusasaza ulwazi ngomsebenzi wakhe wokuthengisa ubisi lwebhokhwe.
Kwiindawo ezifana neMpuma Koloni maninzi amafama afuye iibhokhwe kodwa kuncinci akwaziyo ngobisi lwebhokhwe. “Ubisi lwebhokhwe luqulethe into ekuthwa iSelenium, yona iqulethe iqela lezakha mzimba ezidibene ndawoninye, ngoko ininzi inzuzo yempilo kubisi lwebhokhwe,” uqhayise watsho uKopo.
Iingcali zempilo zithi ubisi lwebhokhwe licoca izintso, isikhumba, logama lukwadlala indima enkulu ukuthoba amaqondo oxinzelelo lwegazi.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine