Ngumfama wamadada uObakeng Modikwe waseKapa, eNtshona Koloni, esenza umsebenzi onqabileyo ukwenziwa ngamafama weli.
Amaxesha amaninzi amadada la aveliswa nje ngaphandle kweenjongo zokwenza imali okanye ingeniso ngawo ingakumbi kumafama asezilalini.
Amadada ayakwazi ukuvelisa amaqanda, uboya kwakunye nenyama yexabiso eliphezulu xa ephethwe kakuhle ngeenjongo zokwenza imali. Ukunqaba kwamafama avelisa amadada ukuqaphela ngokuba kunqabe kwa inyama yawo ezivenkileni, kuquka namaqanda awo.
Kumazwe aphuhlileyo kwihlabathi kwezolimo, uboya bamadada buthengiswa ngexabiso eliphezulu.
Amadada la ke aziindidi ezininzi, kodwa eyona nto azalana ngayo kukuphila ngamanzi ixesha elininzi. Uninzi lwazo luvelisa amaqanda amaninzi xa ekwindawo enamanzi aneleyo, ukudada kuwenza ukuba ahluphezeke ukuze akhwelane lula.
“Eyona nto iphambili nekhuthazayo ngokufuya amadada kukuba awanankcitho ininzi njengezinye izinto ezifuyiweyo efama,” kutsho Modikwe.
Ucacisa athi eyona nto ityiwa ngamandla ngezi ntaka ngumbona, nengca nezinambuzane ezihlala zihamba engceni. Oku kwenza ukuba amadada adlale indima yokuncedisa ukucoca ingca emakhayeni logama ekwatshabalalisa izinambuzane ezibangela izifo nengxaki empilweni.
“Imveliso yamadada kumafama oMzantsi Afrika iphantsi kakhulu ngoko ke akhona amathuba wolu hlobo lweshishini, imali oyichithayo incinci xa ufuye amadada.”
Amafama amaninzi kweli afuye amadada ngenxa yokuwathanda, awakho afuyela ukwenza ishishini elicacileyo. “Inyama yamadada ikhona kwiivenkile ezithile kweli, kodwa yonke isuka kumazwe angaphandle afana neThailand, Hungary, China naseBrazil,” kucacisa uModikwe.
Ukunqongophala kwemveliso yamadada kweli kuthetha ukuba ngenene kukho amathuba amahle okuphumelela kumafama xa enokuzama ukuvelisa amadada.
Ubomi ejele kutata owadlwengula intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo