Ukunkcenkceshela likhubalo lempumelelo

Ukunkcenkceshela likhubalo lempumelelo. Umfanekiso: The Spruce

Iimvula zina ngamandla kuninzi lweendawo zoMzantsi Afrika, kodwa kungekudala iza kuvela imfuneko yokuba kunkcenkceshelwe izityalo kwakhona.

Ukonga amanzi kwenza kube lula kumafama ukunkcenkceshela ngemini apho kukho ingxaki ngokusebenzisa amanzi agciniweyo.

Zininzi iindlela zokunkcenkceshela, kodwa ukusebenzisa izixhobo zokutshiza amanzi (sprinklers) yenye yeendlela eziphambili zokunkcenkceshela, logama wonga amanzi akho.

Kuko konke oku, umfama kufuneka ayazi ukuba yeyiphi imihlaba amakayisebenzise, ​​zeziphi izityalo eziwulungeleyo lo msebenzi, kwanohlobo lwamanzi anokusetyenziselwa ukunkcenkceshela ngezixhobo zokutshiza amanzi.

Kumaxesha empucuko, amafama asebenzisa olu hlobo lokunkcenkceshela kuba lukwahambelana nobuchwepheshe obuvumela umfama ukuba ankcenkceshele nokuba uphi okanye kunini.

Ukunkcenkceshela ngolu hlobo kwenza umfama aqiniseke ukuba umhlaba nezityalo zakhe zifumana amanzi phantse kuyo yonke indawo enkcenkceshelwayo.

Umfama kufuneka alawule umyinge wamanzi awadingayo kumhlaba wakhe, kuba ukuba akenzi njalo, amanzi anokubangela ukhukuliseko lomhlaba.

Ukunkcenkceshela ngezixhobo zokutshiza amanzi kusebenza kakuhle kumhlaba oyisanti kuba awukhukuliswa lula ngamanzi.

Kukho iindidi zomhlaba ezikhawuleza zenze ikhoko xa zinkcenkceshelwa, kwaye umfama kufuneka akuqaphele oku kuba akulunganga ukunkcenkceshela ngezixhobo zokutshiza amanzi kumhlaba onjalo.

Amanzi owasebenzisayo xa usebenzisa olu hlobo lokunkcenkceshela kufuneka acoceke ngokupheleleyo ukuze ahambe kakuhle kwimibhobho yakho.