UZukisani Kelepu ngumfama oyinzalelwane yakuCentane, kodwa wenza umsebenzi wokufuya nokulima kwidolophu yaseNgqushwa.
“Ndisebenza kumhlaba oziihektare ezingamakhulu amane namashumi amathandathu kwindawo yaseNgqushwa, ndikuthande ndisemncinci kakhulu ukulima,” kucacisa uKelepu.
Uncoma uyise, nomkhuluwa wakhe ngokuba negalelo lokukhulisa uthando lwakhe kwezolimo nokufuya. “Ndakuthanda ndisemncinci ukulima nokufuya, kodwa usapho lam ludlale indima enkulu kakhulu, abo baquka utata kwakunye nomkhuluwa wam,” ucacisa atsho uKelepu.
Uqalise kancinci ukulima njengawo onke amafama waza kamva ngokuhamba kwexesha wawukhulisa umsebenzi wakhe.
“Ndiqale kancinci kodwa ngokuhamba kwexesha ndingatsho ukuba namhlanje nam ndingumfama omkhulu ophume izandla,” uzincoma atsho uKelepu.
URhulumente neenkampani zabucala zihlala zikhangela abantu abatsha abanokukhuthazwa ukuba bakhule kwezolimo.
“Ndifuye iibhokhwe kwakunye neenkomo zenyama, ndifuye uhlobo lwenkomo ekuthiwa yiBeefmaster kwakunye neBrahman, nohlobo lweebhokhwe ezinentloko ebomvu kunye neSavanna,’’ utsho uKelepu.
UKelepu ukwanguye nomlimi ophume izandla ngokulima imifuno eyahlukeneyo kumhlaba wakhe oseNgqushwa. “Ndilima ikhaphetshu, ispinatshi ndize ndithengisele abantu basekuhlaleni abakufutshane nam,” utsho uKelepu.
SONA 2025 | Intetho yobume besizwe epheleleyo