UMbekeni ngumfama weenkukhu

USibabalwe Josh Mbekeni ngumfama weenkukhu. Umfanekiso: Uthunyelwe

USibabalwe Josh Mbekeni ngumfama wenyama yenkukhu eziquka ezo zenyama kwakunye nomleqwa othandwa kakhulu ngabantu.

Kunika ithemba ukubona umfama osakhulayo ofana noMbekeni ezimisele ngoluhlobo kumsebenzi wokuvelisa inyama yenkukhu.

Ukuhla kwamaxabiso okutya ezivenkileni kuxhomekeke kumadoda afana noMbekeni avelisa ukutya ukuze kuthengiselwe uluntu. UMbekeni wenza lo msebenzi eRockdale, eCumakala, kuMasipala waseAmahlathi kwisithili saseAmathole.

UMbekeni neenkukhu zakhe. Umfanekiso: Uthunyelwe

“Ndiqale ukuvelisa iinkukhu ngonyaka ka2022, igama lenkampani yam yiJosh Chicken Supplier PTY LTD,” kucacisa uMbekeni.

Urhulumente neenkampani zabucala mihla le bamemelela ulutsha noluntu ngokubanzi ukuba kuqaliswe ukwenziwa kokopolotyeni ukuze kuveliswe ukutya.

Imveliso yenyama yenkukhu kaMbekeni ayithengisa ezivenkileni. Umfanekiso: Uthunyelwe

Nangona likhula ngokungxamileyo inani lolutsha olubona ikamva kwezolimo nokufuya, kodwa luseluninzi ulutsha oludinga ukufundiswa.

“Ndithengisa iinkukhu zenyama kwakunye nomleqwa kwiindawo ezithengisayo eCumakala, eMonti, eGcuwa naseQonce,” kutsho uMbekeni.

Uhambisa athi bacela inkxaso kuluntu ngokubanzi ukuze ukhule umsebenzi wakhe wokuvelisa inyama yenkukhu.

Iinkukhu zikaMbekeni. Umfanekiso: Uthunyelwe