Umboniso wamafama iNampo eBredasdorp eKapa

Umboniso weNampo wonyaka uphelileyo. Umfanekiso: Nampo

Umlenze wesibini wowona mboniso mkhulu wamafama kweli, iNampo, useNtshona Koloni ukusukela ngomhla weshumi elinanye kule nyanga ukuya kumhla weshumi elinesine.

Amafama, izifundiswa zezolimo nabezoshishino baxakeke kwidolophu yaseBredasdorp kumazantsi weKapa bebonisa, befundisana, kwaye besabelana ngolwazi kwezolimo.

Minyaka le lo mboniso uqhuba izihlandlo ezibini, owokuqala eFreyistata ze owesibini uqhutyelwe eBredasdorp eNtshona Koloni.

Lo mmandla uqhayisa ngokulima ingqolowa, umbona, idiliya nezinye izityalo eziphambili kwiimveliso zolimo kuMazantsi eAfrika.

Iinkampani eziphambili ezivelisa izixhobo zokulima, izichumiso, namayeza emfuyo, zibonisa iimveliso zazo zifundisa zikwakhuthaza amafama.

Enye yeenkampani eziphambili kweli ukuvelisa oogandaganda, iNew Holland, izakuba ithatha inxaxheba ekuboniseni iimveliso zabo.

Ngamaziko asixhenxe azakuba ebonisa iimveliso zakwaNew Holland nalapho amafama azakufumana ithuba lokufunda banzi.

Oogandaganda bakwaNew Holland bayaziwa ngokuncedisana namafama ngokulima, ngokuthwala imithwalo nezinye iindlela zokusebenza efama.

Ugandaganda omtsha wakwaNew Holland, iT7 HD, izakuba iboniswa kumafama azakuba ezimase lo mcimbi.

Abavelisi boomatshini bezolimo abaquka uJohn Deere kulindeleke ukuba babonise iimveliso zabo zezolimo kulo mboniso.

Amafama aphuma kumazwe akuMazantsi weAfrika noMzantsi Afrika ngokubanzi alindelekile kulo mboniso.

Kuthiwa imiboniso yamafama yaqalwa ukwenziwa ngeminyaka yakudala kakhulu ngeenjongo zokunika amafama ithuba lokuba aqhayiselane ngeemveliso zawo.

AmaSebe kaRhulumente nawo athatha inxaxheba kulo mboniso ebonakalisa umsebenzi wawo neendlela abasebenza ngazo namafama woMzantsi Afrika.