UVuyo Tunyiswa ngumfama ovelisa amaqanda asemgangathweni wokuthengiswa kwikhaya lakhe eliseMonti eMpuma Koloni.
Inkampani yakhe ebizwa ngokuba yiAmathole Eggs iqale ngonyaka ka2021, kwaye uyazingca ngomsebenzi wakhe wokondla isizwe.
“Into endikhuthaze ukuba ndiqalise lo msebenzi wokuba ngumfama weenkukhu kukuba ndifuna ukulwa indlala ndiqinisekisa ukuba ukuba ukutya kuyafumaneka kuluntu,” kutsho uTunyiswa.
Lo kaTunyiswa ufunde izifundo zeNzululwazi kwiKhemistri kwinqanaba lweeOnazi nezinye ke izifundo.
“Uninzi lwabantu, ingakumbi abo bakwiindawo zasezilalini banomhlaba omninzi onokusetyenziswa ukuvelisa imifuno okanye ukufuya,” uthethe watsho uTunyiswa.
Uthi lo msebenzi bawuqale bengamalungu osapho ngenjongo zokwenza umahluko entlalweni yabo.
“Sathenga iinkukhu zokuvelisa amaqanda ngenjongo zokuba sithengise amaqanda, sikhule sidale namathuba emisebenzi kwabanye abantu,” uhambisa atsho.
Uthi ukulungele ukunceda amanye amafama anqwenela ukuqala ishishini lokuvelisa iinkukhu zamaqanda.
“Kulutsha olunomdla, olunqwenela ukuqalisa ukuvelisa iinkukhu zamaqanda, ndisoloko ndikulungele ukunceda,” uthembisa ngelo uTunyiswa.
Ekunye nomyeni wakhe bakwakhuthaza amafama amancinci ukuba aqalise ukuvelisa iinkukhu zamaqanda ukuze bona bathenge ezo mveliso zamaqanda. Ukuziqalela ishishini leenkukhu yenye yeendlela ezikhawulezayo zokuzidalela amathuba omsebenzi kulutsha oludinga umsebenzi eMzantsi Afrika. Ngamashumi amane anesibini ekhulwini abantu abatsha beli abangaqeshwanga abanokuziqesha ngokufuya.
“Ngenxa yeli shishini ndiqeshe abantu ababini, kwaye ndiyazingca ngoko kuba bayakwazi ukususa ikati eziko,” kutsho uTunyiswa.
Ifama kaTunyiswa apho avelisa khona la maqanda ikwilali yaseTwecu naseKidds Beach ngaseMonti.
“Okwangoku ndithengisa ngqo ebantwini kwakunye nabo bathengela ukuzithengisela bona, kodwa injongo yexesha elide kukuba ndithengisele iivenkile ezinkulu,” kutsho uTunyiswa.
Urhulumente weli usoloko ekhuthaza uluntu ukuba luqalise ukuzivelisela ukutya ukuze luthengise xa lukwazi ukwenza oko. Inqaku elingomsebenzi kaTunyiswa livele okokuqala kwikhasi lonxibelelwano leAgriculture and Young kaKwanda Nyazeka.
Ingxelo yobume bamaxabiso okutya kutshanje idize ukuba linyukile ixabiso lamaqanda kweli loMzantsi Afrika nakwihlabathi. Oku kuthetha ukuba xa amafama enokuqalisa ukuzivelisela amaqanda lo nto ingathoba umthwalo wokuthenga ngemali.
Iinkukhu zamaqanda ezondlekileyo zibeka amaqanda amabini ukuya kwamathathu ngosuku ngalunye, ingakumbi xa zinyangwa ngokufanelekileyo. Ezo zisaqalayo ukuzala zezona ziqhuba kakuhle kakhulu ukuvelisa amaqanda amabini ukuya kwamathathu ngosuku ngalunye.
Iindlela ezihlala ngayo, ukhuseleko lwazo nempilo yazo ngokubanzi ibangela ukuba zizale ngendlela anqwenela ngayo umfama. Ukufunda banzi ngendlela zokuvelisa iinkukhu ngomnye weminqweno kaVuyo Tunyiswa ukuze akhulise umsebenzi wakhe wokuvelisa amaqanda. Ngenxa yezakhamzimba eziqulethwe liqanda lisoloko liyinxalenye yesidlo sakusasa kumakhaya onke mihla le. Iinkcukachamanani zonyaka ka2011 eMpuma Koloni malunga nokufuywa kwenkukhu, zibonisa ukuba kumakhaya alishumi, amakhaya asibhozo afuye iinkukhu ngenjongo zokwenza inyama okanye amaqanda okutya nokuthengisa.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?