Umgquba weenkukhu kukutya kweehagu

Umfama equlethe umgquba weenkukhu. UMFANEKISO: MAKSIMS GRIGORJEVS

Amaxesha amaninzi iimveliso zasefama enye ixhomekeka kwenye ukuze iphile. Umgquba wenkukhu ngomnye umzekelo woku kuba uyenziwa ukuba ubekukutya okunesondlo kwiihagu zakho mfama.

Ubomi basefama benza ukuba enye imveliso ibeyinzuzo ecacileyo kwisityalo okanye kwenye imveliso yasefama. Amanye amafama afuye iihagu neenkukhu kodwa awayazi ukuba ezi zilwanyana zibini ziyakwazi ukondlana ukuze ziphile.

Umgquba weenkukhu usetyenziswa kuphela njengesichumiso egadini, ambalwa amafama ayaziyo ukuba ukwasisondlo. Zikho iingcali zezidlo zezilwanyana eziwudibanisa xa zisenza ukutya kwemfuyo equka iibhokhwe, iigusha kwakunye neenkomo.

Kodwa kweli inqaku sizakuthetha ngomgquba weenkukhu usetyenziswa nje ngesidlo kwiihagu zakho mfama. Nangona kubalulekile ukusebenzisa umgquba weenkukhu ukondla iihagu zakho, kukwabalulekile ukuba wazi ukuba zikho izinto ezinobungozi ekufuneka uziqwalasele.

Inzuzo ngokondla iihagu ngomgquba weenkukhu

Umgquba weenkukhu uqulethe iindidi ngeendidi zezakha mzimba ezifunwa ngamandla ngumzimba weehagu ukuze zikhule ngokupheleleyo.

Umgquba weenkukhu uqulethe izakha mzimba eziquka iprotheni, iikhabhohydrathi kwakunye neeminerali. Umgquba weenkukhu uyahluka komnye ngenxa yokuba kuxhomekeka ukuba yona inkukhu leyo yondliwa ngantoni ngumnikazi wayo. Ukuhlala ufumana iingcebiso nolwazi kumagosa kaRhulumente kubalulekile ngamaxesha onke mfama.

Umgquba wenkukhu ongekalunguswa. UMFANEKISO: BOCHIMSANG

Indlela yokulungisa lo mgquba

Kubalulekile ukuba lo mgquba ulungiswe phambi kokuba usetyenziswe nje ngesondlo ezihagwini zakho mfama. Ukulungisa lo mgquba phambi kokuba unikwe iihagu zakho kuthintela ukugqithiselwa kwezifo ezinokuba ziqulethwe kukungcola komgquba weenkukhu.

Izimungunyigazi ziyakwazi ukuzimela kumgquba, zize ziphinde zivuke zingaqatshelwanga ngumfama, zenze iingxaki kwiihagu zakho. Kufuneka ukuba lo mgquba ufudunyezwe ukuze kutshe zonke izinto ezingamangenela kwisidlo seehagu zakho.

Zikho ke nezinye iindlela umfama anokuzisebenzisa ukuzama ukuphungula izimungunyigazi okanye amangenela kwesi sidlo. Umgquba weenkukhu kufuneka ukuba usetyenziswe njengenxalenye yokutya kweehagu zakho mfama. Mawungasetyenziswa uwodwa njengokutya, koko mawukhatshwe okanye wona ukhaphe izidlo zakho zesiqhelo.

Imiqathango yokondla ngalo mgquba

Kubalulekile ukuba umfama ahlale ethobele imiqathango emisiweyo yokondla ihagu yakhe. Le miqathango iquka leyo yokuqinisekisa ukuba ukutya okunikwa iihagu nezinye izilwanyana kusemgangathweni ofanele ukutyiwa, qinisekisa ukuba kuhambelana nemiqathango yempilo yezilwanyana. Oku kuquka nokukhuselwa kwendalo esingqongileyo logama iihagu zakho zixhamla ke mfama wasekhaya.

Beka iliso kwindlela oqhuba ngayo lo mgquba

Kubalulekile ukuba uhlale ubeke iliso indlela oqhuba ngayo umgquba emzibeni nasempilweni yehagu yakho. Qwalasela ukuba impilo yehagu yakho iyaphucuka ngenxa yokuba ihagu yakho isitya lomxube unomgquba weenkukhu.

Xa ufumanisa ukuba impilo yehagu yakho iyadodobala ngenxa yokutya lomxube, qalisa kwangoko ukuyeka ukusebenzisa lo mxube. Fumana izimvo zegosa lempilo yezilwana okanye uGqirha wezilwanyana wendawo ohlala kuyo mfama.

Musani ke ukulahla umgquba weenkukhu mafama, wugcine logama ukhangela ulwazi. Khumbula kaloku okokuba kwawona uyasebenza njengesichumiso egadini yakho.