Ungangumfama ophumeleleyo

Umfama exakekile kwifama yakhe.

Amaxesha amaninzi amafama aqalayo awaphumeleli kumsebenzi wawo ngenxa yokushiyelela izinto ezibalulekileyo kumsebenzi wawo xa eqala. Kubalulekile ukuqwalasela ezi zinto xa uqalisa ukusebenza nje ngomfama, eli likhubalo lempumelelo kwezolimo.

Ukuba nomonde

Ulimo kaloku lushishino, ushishino lonke ke ludinga ukuba umntu abenomonde wokulinda ixesha elililo lokuphumelela. Umonde sesinye sezixhobo ezenza ukuba umfama anganikezeli nokuba izinto zingahambi kakuhle.

Ukanti ubani ongene kushishino lezolimo eshiye ngasemva umonde uyashiya akhangele ezinye iindlela zokuphila. Umonde uhamba nawe umgama omde kwezolimo nokufuya, kuba ziyafa ezi zinto kusetyenzwa ngazo, maxa wambi zihlaselwa zimozulu ezingentle.

Zininzi izinto ezivelayo ezingalindelekanga ezithi zihlasele umsebenzi wakho mfama nokuba uyaqala okanye sele uqhelile. Umzekelo ophilayo ukuhlaselwa kwezityalo zakho sisichotho, oko akuthethi ukuba ubomi buphelile, kodwa kuthetha ukuba funda kulo meko unyamezele.

Izifo ezihlasela mihla le kwezolimo nakwimfuyo, zonke ziimeko ekumele ukuba umfama afunde ukomelela nokulinda ixesha elilo. AmaXhosa akudala ayesithi akulahlwa mbeleko ngakufelwa, oko kuthetha ukuba ukungalungi kwezityalo komnye unyaka ayisosiphelo sezinto.

Funda, funda

Ukuhlala ufunda oko kwezolimo lelona chiza likuqhubela empumelelweni. Oku kufunda akuthethi ukuba uzoyokuhlala edesikeni esikolweni kodwa kuthetha ukuba kwinto nganye odibana nayo funda okuthile.

Yiba kwimeko yokufunda into entsha rhoqo, ulwamnkele ulwazi olutsha ngomoya omhle, ulusebenzise ukuze ukhulise umsebenzi wakho.

Xa ukuthanda ukufunda ufumanisa ukuba into ekusokolisayo wena kwifama yakho, omnye umfama uyenza lula ngaphandle kweengxaki. Ungafunda kwamanye amafama imihla ngemihla ngokuvula amehlo nentliziyo yakho ukwamnkele ukufunda izinto ezintsha.

Amaziko emfundo ephakamileyo enza uphando ngqangi ngemicimbi eyahlukeneyo yezolimo yonke imihla. Olu lwazi luhlala luhleli ukuba lusetyenziswe ngamafama ukuze akhule kumsebenzi wokulima nokufuya.

Ulwazi nezakhono

Ukuhlala ufumana ulwazi olutsha nezakhono ezitsha rhoqo lelona khubalo lokuphumelela kwezolimo. Olu lwazi nezakhono uzifumana ukuze uzisebenzise ukuqhubela phambili ishishini lakho lezolimo.

Ixesha elikhoyo lisebenzisa izakhono ezahlukileyo kwezamaxesha angaphamphili, ngoko ke ukufunda into entsha kubalulekile kuwe mfama.

Ukufunda izakhono ezitsha kwenza ukuba ifama yakho neshishini lakho ngokubanzi lingashiyeki ngamsemva. Ukuba nolwazi oluphangaleleyo kwenza ukuba ungabilixhoba labo bahlala bexokisa abantu. Ukuba nolwazi kwenza ukuba ukwazi ukuligqithisela kubasebenzi bakho ukuze kuphucuke imveliso yakho.

Ukusombulula iingxaki sisixhobo

Ukukwazi ukusombulula iingxaki ngundoqo kuba kubangela ukuba ungaqeshi abantu abasuka ngaphandle kweshishini ukusombulula iingxaki.

Ukuba nolwazi lokusombuluo iingxaki kubangela ukuba zinqandwe zisaqala iingxaki kwishishini lakho. Xa uzisombulula usebenzisa izakhono ezenza ukuba wonke ubani aneliseke sisigqibo sakho.

Khumbula abasebenzi abonwabileyo bavelisa iziqhamo ezihle nezisemgangathweni ngamaxesha onke. Kumele ukuba ukwazi ukuyalatha apho ikhoyo ingxaki kwimeko nganye elidibana nayo ishishini lakho.

Ulwazi ngamanani

Kubalulekile ukuba ubenolwazi oluphangaleleyo ngamanani, oku kunceda ukuba ukwazi ukubala iitoni, iihektare nezo zibalwa ngobunzima bazo izinto.

Olu lwazi lenza ukuba kusonjululwe iingxaki ngoku khawuleza kwishishini lakho. Awunakuba nalahleko, abathengi bakho nabo bayakuhlala bonwabile ngamaxesha onke.

Amanani wezinto zonke ezikhoyo efama yakho kumele ukuba uzazi ngaphandle kwengxaki. Xa uthenga okanye uthengisa ulwazi lakho ngamanani luncedisana nawe mfama, utsho uthathe izigqibo ezikhuselekileyo.

Yiba ngumthengisi obalaseleyo

Kaloku zonke izinto ezilinywa efama ziyathengiswa ekugqibeleni, ngoko ke kufuneka ukuba ukwazi ukuthengisa izinto zakho. Kufuneka ubenezakhono ezizodwa zokuthengisa iimveliso zakho kwabakufutshane kuwe nabakude kuwe.

Esi sakho sikhulisa, sikwagcina isidima seshishini lakho mfama. Amafama maxawambi ayakwazi ukuvelisa ukutya kodwa angakwazi ukukuthengisa kwiimalike ezincinci nezinkulu.