Ungazityala enkonkxeni iitapile mfama

Isivuno seetapile ezityalwe enkonkxeni.

Iitapili yenye yemifuno enokutyalwa ngelixesha lonyaka ngenxa yokuba imnkile ingqele kwindawo ezithile zelizwe. Amafama amaninzi eMpuma Koloni asoloko eso isiqithana asibekela ukutyala itapile kwindawo abatyala kuzo. Nangona kulula ukutyala itapile, kodwa amafama amanini emakhaya atyala itapile ngendlela enye.

Ukutyala itapile ezinkonkxeni kulula, kuyafundisa logama ukwafumana isivuno esihle kwindawo encinci. Ukutyala ezinkonkxeni kwenza ukuba ukwazi ukufunda umyinge wamagaqa owafumana xa utyale igaqa elinye. Ngokutyala ezinkonkxeni uyakwazi ukufunda indlela eyiyo yokufaka isichumiso sakho, umyinge wamanzi nezinye izinto ozisebenzisayo.

Ukwafumana ithuba lokukhathalela isityalo ngasinye, oku akufani naxa utyale ngokuthe gabalala kwindawo enkulu. Kulula ukuhlakula okanye ukuxhwitha ikhula liselincinci, ukunika umhlaba ngokunjalo. Ukunika umhlaba kwitapile ezityalwe enkonkxeni kwenza ukuba zikhule zinyuka ngezigaba ezahlukeneyo itapile zakho.

Oku kukhulisa inani letapile ozakuzivuna ekugqibeleni, logama zikwafumana ithuba elihle lokuba zikhule zibenkulu kunesiqhelo itapile zakho. Amaxesha amaninzi itapile zikholwa kukufumana ubushushu ukusukela kwintsuku zokuqala kude kubesekupheleni.

Isivuno seetapile ezityalwe enkonkxeni.

Ukuzifaka enkonkxeni itapile zakho kwenza ukuba zimumathe ubushushu obufanelekileyo, oku kunefuthe kubukhulu bazo. Ukanti inkonkxa yenza ukuba ubenolawulo lomyinge wamanzi owanika itapile zakho, oku ukwenza ngokuthi uvule imingxunya emacaleni okanye ngaphantsi kwinkonkxa yakho.

Umfama ukwanethuba lokuba akhethe uhlobo lomhlaba olufanele itapile zakhe, oku kukwanefuthe kwisiqhamo esi siso. Kwakwezinkonkxa uyakwazi ukutyala esinye isityalo othanda ukusityala emva kokuba uvune itapile zakho. Ukanti nomhlaba wakho ngokunjalo uyakwazi ukuwusebenzisa kwezinye izinto ofuna ukuzityala kuwo.

Ezi nkonkxa azinangxaki xa ufuna ukuzisusa kwenye indawo uzibeke kwenye indawo, oku kunika inkululeko efunwa ngumfama. Amaxesha amaninzi amafama axakekiswa kukunika itapile umhlaba, kodwa xa utyale enkonkxeni yonke into ibalula kunesiqhelo. Kungoko sikhuthaza amafama ukuba akhangele amacebo alula okutya kulamaxesha anzima kangaka.

Iindlela ezilula zokutyala nokuphila kwimpilo yokulima nokufuya kwenza ukuba umfama akwazi ukumelana nenzingo zalamaxesha. Xa kunetha imvula egqithisileyo umfama uyakwazi ukuthutha iinkonkxa zakhe azibeke kwenye indawo ezibalekisa kwimvula egqithisileyo.

Oku kukhusela itapile zakhe ukuba zingafunyanwa ngamanzi agqithisileyo. Amanzi agqithisileyo abangela ukubola kwitapile zakho mfama, ngoko ke kubalulekile ukuba uqalise ukukhangela iindlela ezizezinye zokulima.

Ukulima kwezinkonkxa kwenza ukuba umfama aqwalasele izinambuzane nezifo ezitya izityalo zakhe ngokunjalo. Abakwa Agricultural Research Council bayakukhuthaza ukusetyenziswa kwezinye iindlela zokutya kuphungulwa inkcitho, ukuze kugcinwe ulimo luqhubeka.

Ukusabela kumagosa ezolimo, iingcali zolimo nezifundiswa zolimo kubaluleke kakhulu ukuze ufumane ulwazi oluchanekileyo mfama. Ngaphandle kokusebenzisa iinkonkxa umfama angasebenzi iingxowa zombona okanye ezo zokutya kwemfuyo.