UNgubane akatyhafiswa bubuncinci bomhlaba

Umfama uSithembile Ngubane. Umfanekiso: Facebook

USithembile Ngubane wakumazantsi wonxweme laseThekwini akakuvumelanga ukuba umhlaba wakhe omncinci umtyhafise ukwenza into ayithandayo, ukulima.

“Umhlaba wam sisiqingatha sehektare, ndiqale ukulima ngonyaka ka2018 kwigadi encinci esemva kwendlu ekhaya, ndizibona ndikhulile xa ndijonga apho ndisuka khona,” kuqhayisa uNgubane.

Amavila kwezolimo abeka zonke iintlobo zezizathu ezinokwenza ukuba angaqalisi ukwenza umsebenzi wokulima – ubushushu, ukoma nezinye.

USithembile nemveliso yakhe. Umfanekiso: Facebook

“Ndilima imifuno equka ikhaphetshu, ispinatshi, itumato, ibrinjali nezinye ke, ndikubone ukubaluleka kwezolimo ngonyaka ka2019 xa kuguquka impilo yam,” utsho uNgubane.

Ingxaki yokunyuka kwamaxabiso okutya, ukunqongophala kwamathuba emisebenzi kudala ithuba lokungena kwabantu abatsha kwezolimo.

‘’Ngexesha lokuqala kwam ukulima, bendijongene neengxaki ezininzi kakhulu, kodwa kuzo zonke ulimo luhambe phambili, ngenxa yalo ndoyisa konke,” kutsho uNgubane.

USithembile nemveliso yakhe. Umfanekiso: Facebook

Ukwenza uphando olubanzi ngezolimo kumncedile uSithembile ukuba aqiniseke ngamandla kwezolimo. “Emva kokwenza uphando olubanzi, ndiqalise ukuthenga izithole ndazikhulisa kumhlaba oqhelekileyo, ndaphinda ndazityala ezo zithole ngeenjongo zokuvelisa oku kutya kungaka,” utsho uNgubane.

Uthi ebengenalo ulwazi ngezichumiso ezithengwa kumaziko athengisa ezolimo, kodwa ukusebenzisa iindlela zakudala kumncedile uNgubane.

Imveliso kaNgubane. Umfanekiso: Facebook

“Zikhule kakuhle kakhulu izityalo zam ngokusebenzisa nje umgquba wenkomo, oku kungenxa yokuba bendinolwazi oluncinci ngezichumiso nezinye izinto zesilungu,” kucacisa uNgubane.

UNgubane ukhuthaza ulutsha olungoontanga bakhe ukuba luqalise ukulima kuba ixesha lisavuma. “Alikho ixesha elilungele ukuqalisa ukusebenza, kufuneka umfama aqalise kule ndawo akuyo ngezi zinto zikhoyo phambi kwakhe,” ukhuthaze watsho uNgubane.