UNjingalwazi Phakeng ngumfama

UNjingalwazi Mamokgethi Phakeng ngumfama. Umfanekiso: Facebook

Uninzi lwezifundiswa ezikwinqanaba likaNjingalwazi Mamokgethi Phakeng zisoloko zithanda ukuqesha xa ziqalisa ukufuya nokulima, kodwa le Njingalwazi itsha lilanga ilandela iinkomo zayo.

Igama likaNjingalwazi Phakeng liyaziwa kuba ukhe wasebenza njengeNqununu yenye yeeYunivesithi eziphambili kweli, iYunivesithi yaseKapa.

Le Njingalwazi inezidanga eziphezulu kwizifundo zezibalo kwaye sele ivelise ooGqirha nezifundiswa eziphezulu kwezezibalo.

UNjingalwazi Phakeng ngumfama ovelisa icuba nokwangumfuyi weenkomo zohlobo lweBoran. Ngaphandle koko, ukwangumvelisi wentlazi yohlobo lweTalipia.

“Isidanga senqanaba lePhD ayenzi ukuba umntu aqhawuke izandla zokuzenzela okanye umdla wakhe wokwenza into ayithandayo, makulinywe kufuywe ngumntu wonke,” kutsho uNjingalwazi Phakeng.

Kunyaka ophelileyo, uNjingalwazi Phakeng unikise ngeenkonzo zasimahla ekhuthaza ekwacebisa abafundi bakaGrade 12 ngeendlela zokuqalisa nokuqhuba ubomi emva kokuphumelela uGrade 12.

UNjingalwazi Phakeng ungumhlali waseGa-Rankuwa kwiphondo laseGauteng, kwaye uyinkuthazo ecacileyo kwabancinci nabadala.

Ixesha lakhe njengeNjingalwazi kwiYunivesithi yaseKapa beligqame ngeengxoxo ezininzi kuba ebekwiphulo lokuguqula izinto, ingakumbi iinguqu kwela ziko.