UNtokozo Ngcamu ngumfama eNgilane

UNtokozo Ngcamu waseKokstad eKZN, ngumfama wobisi osakhulayo ofumene ithuba lokuyokufunda ngemveliso yobisi eNgilane kwifama eseShropshire, eNgilane.

“Ndisebenza kwifama yemveliso yobisi esebenzisa uhlobo lokuvelisa ubisi olukotshwe eNew Zealand, ndiyimanejala esafundayo,” kucacisa uNgcamu.

Le fama ifuye iinkomo ezingamakhulu amathathu kwaye yenza umsebenzi wokuvelisa iimveliso zobisi eziquka isonka samasi.

“Ndathatha isigqibo sokuba ndilandele ikhondo lezolimo ndifunda kumabanga aphantsi esikolweni, ndandikwibanga lesihlanu, ndisenziwa luthando lemfuyo nezolimo,” kutsho uNgcamu.

Obu bubungqina bokukhula kwenani labantu abatsha ababona ikamva kwezolimo kweli loMzantsi Afrika.

“Ndaba nethamsanqa lokufumana ithuba lokuchitha ixesha kwifama yeenkomo eyayiseKokstad eKZN ngenxa yomhlobo wam,” utsho uNgcamu.

Uthi oku kwamnika ithuba lokuba aphume koogxa bakhe logama efumana ithuba lokufunda ezixhobisa ngolwazi kwezolimo.

“Ndiqalise ukufunda banzi ngemveliso yobisi ndineminyaka elishumi elinesine kuphela, ndakuthanda kakhulu ukusebenza ngeenkomo zobisi ukusukela ngelo xesha,” uhambisa atsho uNgcamu.

Uthi ebesoloko enomdla wokufunda ngakumbi ngezinto eziqhubeka kwifama yokuvelisa ubisi, ngoko ukufumana ithuba lokusebenza kwifama eseNgilane yaba kukuzalisekiswa kwephupha lakhe.

“Ndifunde ukusebenza ndisenza umahluko, ndiphucule imeko ekhoyo ukuze kuqhutyekwe nokuveliswa kobisi ukuze kudalwe amathuba emisebenzi,” uqhayisa atsho uNgcamu.

UNgcamu ucebisa amafama asakhulayo ngeyona ndlela iyiyo yokuthatha isigqibo ngomkhondo ofanelekileyo kwezolimo.

“Kufuneka ukuba umntu aqiniseke ngento ayifunayo, ulimo lunemingxilo emininzi ngoko ke kufuneka umntu athathe isigqibo esifanelekileyo,” ucacise watsho uNgcamu.

Uhambisa athi ukufunda banzi ngomsebenzi oqhubeka efama kokona kubalulekileyo ukuze olo lwazi ludityaniswe nolwazi lasesikolweni. “Kutya ixesha ukulibazisa ukuqala ukwenza le nto ufuna ukuyenza, kufuneka umntu aqalise, alikho ixesha elifanelekileyo lokuqalisa ukungena kwezolimo,” uvale ngelo uNgcamu.