Uninzi lwamafama aselula asoloko ebalisa ukuba afundiswa ngabantu abathile ukwenza umsebenzi wokulima nokufuya, uSalome Mosima waseVaalwater, eLimpopo, uthi yena wazifundisa. Ukuthanda ukulima nokufuya kusoloko kulikhubalo lempumelelo kwaba bafuna ukulima nokufuya.
“Ndiqale igadi yam encinci eyenza umsebenzi oxubileyo apho ndaqala khona ukufuya iinkomo, iibhokhwe, iinkukhu nokutyala imifuno,” kucacisa uMosima. Imifuno ayityalayo iquka isipinatshi, itswele, ibhithiruthi kwakunye netumato.
“Ndikuthande ndisemncinci kakhulu ukulima, ngoku iimveliso zam zithengwa kakhulu kwindawo endihlala kuyo, oko kuyinkuthazo kum yonke imihla,” kutsho uMosima. Iphondo laseLimpopo lingumzekelo wabona abantu abatsha abathanda ngenene ukulima nokufuya.
“Ndinqwenela ukuba ngumfama ophume izandla ngenye imini ndithengise iimveliso zam kumgangatho wehlabathi, ndisebenza nzima ukuqinisekisa ukuba lo mbono uyazalisekiswa,” kutsho uMosima.
Ukuna kweemvula zasehlotyeni ukusukela kwinyanga ephelileyo kunika amafama ithuba lokuba asebenze nzima ukuqinisekisa ukuba ayatyala ukuze avelise ukutya akudingayo.
“Ndinqwenela ukukhuthaza bonke abantu abatsha abanothando lezolimo nokufuya ukuba bakhawulezise baqalise ukulima nokufuya,” kutsho uMosima. Ukhuthaza ukuba amafama amatsha asebenzisane kwiindawo abahlala kuzo ukuze omnye afunde komnye.
“Ukukhangela ulwazi ngento leyo ufuna ukuyenza yeyona ndlela ibalulekileyo yokuqala ukusebenza njengomfama, ukuxhoba ngolwazi licebo lokwenza ukuba ubani aphumelele azuze ingeniso ecacileyo,” uhambisa atsho uMosima.
Makadedele abanye uMalema kwiEFF